Uzakungcwatywa eWindhoek ngoMgqibelo uToivo yaToivo

Igqala lomzabalazo uToivo yaToivo

 

Lizakungcwatywa eWindhoek eNamibia ngoMgqibelo igqala lomzabalazo wabantu belalizwe uHerman Andimba Toivo yaToivo emva kwengulo ebikhatshwa bubudala. 


Umphathiswa wesebe lonxibelelwano kweli uAyanda Dlodlo, uthunywe ngurhulumente weli ukuba ayekumela uMzantsi Afrika kulo mngcwabo weli gqala. 


Lo kaYa Toivo ukhokele idabi lenkululeko yabantu baseNamibia phantsi kombutho weSouth West African Peoples Organisation (SWAPO). 

Lo mbutho ububambisene neAfrican National yeli loMzantsi Afrika neFrelimo eMozambique, kwiinzame zokulwela inkululeko ukusukela ngeminyaka yoo1960. 


Ngonyaka ka1966, uYa Toivo wabanjwa wavalelwa eRobben Island eKapa ekunye namadoda angamashumi amathathu anesihlanu aseNamibia awayekunye nawo kwidabi lokukhulula ela lizwe.

 

UMongameli weli uJacob Zuma uthumele amazwi wovelwano kwela lizwe nakusapho lukaYa Toivo. “Wanga umphefumlo wale nkokheli eyakhulula abantu baseNamibia nabantu boMzantsi Afrika ungaphumla ngoxolo, siyamhlonipha ngenxa yomsebenzi wakhe,” uthethe watsho uZuma. 


Eli gqala lizakungcwatyelwa eHeroes Acre eWindhoek ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesine kule nyanga yeSilimela. 


Urhulumente welizwe loMzantsi Afrika wanika uToivo yaToivo elona wonga liphakamileyo kweli elibizwa ngokuba yiOrder of Campanions of Oliver Tambo ngenyanga yoKwindla ngo2009. Oku kwenziwa ngelinika imbeko kumsebenzi omhle wokuzinikela kumzabalazo wokukhulula abantu baseNamibia naboMzantsi Afrika ngokunjalo.

 

Umongameli welizwe laseNamibia uHage Geingob kulindeleke ukuba akhokele inkqubo yokungcwatywa kukaToivo yaToivo eWindhoek. 


Idabi lenkululeko eyayikhokelwe nguToivo yaToivo yabangela ukukhululwa kwela lizwe kulawulo lwengcinezelo yoMzantsi Afrika. Ela lizwe lafumana inkululeko yalo ngenyanga yoKwindla ngonyaka ka1990, oku kwancedisa imibutho efana neANC ukuba iqinise idabi lokukhululeka kwayo. 


UToivo ya Toivo uzelwe ngomhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga yeThupha ngo1924.