Uceba weDA udutyulwe emva kwentlanganiso

Kapa: Inkokeli yeDA ephondweni, uBonginkosi Madikizela,
ivakalise ukothuka nokukhathazeka zindaba zokubulawa kukaceba walo mbutho
kwingingqi yasePhillipi ngenjikalanga yayizolo.

Iingxelo zokusweleka kukaXolile Gwangxu,  zivakele kubusuku bayizolo nalapho kudizwa
ukuba ebesavala amasango eholo ebekubanjelwe kulo intlanganiso.

 “Kubuhlungu ukuva
ukuba sishiywe nguXolile obelilungu leDA ixesha elide, ngomnye wooceba
abasebenze ngokuzimisela besebenzela uluntu. Siyalwamkela uphando oluqhutywa
ngamapolisa kwaye sinethemba lokuba umbulali okanye ababulali bakhe bayakufunyanwa
bajongane nengalo yomthetho,” kuvakalisa uMadikizela.

Uthi iintliziyo zabo zikunye nosapho lwakhe noogxa bakhe
ebesebenza nabo.

Ukanti ilungu leDA ePalamente uTandeka Gqada, obekhona
ngethuba kubulawa uGwangxu, uthi usothukile nangale ntsasa ngendlela
engenalusini abulewe ngayo.

 “ Besiphuma
kwintlanganiso simlindile ukuba atshixe sizokuhamba, besincokola ehlekisana
namadoda ebedlula ngendlela kwesuka kwe galakangqa indoda yasondela kuye yonda
ngaye yamdubula isondele. Kuyabonakala ukuba ibihambele kuye iyokumbulala kuba
ayithathanga kwanto kuye.”

Othethela i-ofisi kaSodolophu wesixeko seKapa uZara
Nicholson uthe: ”Isixeko seKapa sothukile kwaye sidanile kukuva ezi ndaba
nanjengoko ebengomnye wooceba abasebenza ngokuzimisela ehambisa iinkonzo
eluntwini, ebezimisele ukuguqula impilo zoluntu zibengcono.”