Igusha izele ‘umntu’

ISASHIYEKE ingumnqa wento engakholelekiyo inyewe yegusha yelali yaseQaqeni eLower Ndonga, eLady Frere, ethe yazala itakane elineempawu zomntu ezixutywe nezehagu.

Lo mhlola wenzeke kule lali ngoMvulo. Umnini wale gusha, uNoFirst Marawu, uthi le mazi yegusha iqale ukubonakalisa iimpawu zokulunywa okanye ukuqunjelwa ngeCawe. Bathe bakuyibona ukuba ayide izale itakane ngeCawe, yabe ipena-pena sisisu, baqonda ukuba mabenze ela cebo lakudala lokuseza iCoke kwimfuyo xa ineempawu zokuqunjelwa.

“Ngenene iye yangcono emva kokuba siyiseze iCoke, yaphakama ebuhlanti yaya egadini yayokutya nezinye. Sithe sisajonge leyo le gusha yaphinda yanesisu esingaqondakaliyo ngoMvulo [umhla weshumi elinesithoba].

“Ndiye ndabona ukuba mandifowunele unyana wam oseRhawutini, nothe wasicebisa ukuba masiyinqumle le gusha ukuyisindisa kokukupena-pena ngenxa yesisu,” utshilo uMarawu.

UMarawu uthi uye wacela abafana abathathu ukuba bayinqumle le gusha.

“Bathe besaxakeke njalo ndabona omnye wabo, ebaleka esiza kum ekhefuzela esithi mandiyokubona itakane abalikhupha kule gusha. Ngenene ndifikele kumbono ombi wetakane elinesifuba esingathi sesosana, sineempawu zobuduna kodwa ndabe ndibona ukuba ingathi ikhona nento eneempawu zehagu,” utshilo uMarawu.

Uthi kulapho aye wahlaba umkhosi elalini exakiwe efuna abantu bazokujonga lo mbono ungaqhelekanga.

UMarawu uthi uye watsalela umnxeba amapolisa aseLady Frere, nathe amcebisa ukuba makafowunele abalimi.

Uthi eli takane lifana nqwa nomntu. “Xa ulijongile ngumntu eli takane linezoso oku komntu, liphinde libenempawu zehagu. Ulusu olu belumpuluswa lufana nolomntu, linoboyana obungafani tu nobegusha,” utshilo uMarawu.

Abalimi baye balithatha eli takane kwaye lisagcinwe kubalimi ngeenjongo zokuba kwenziwe iimvavanyo.

Ugqirha wezilwanyana phantsi kwesebe lezolimo eMpuma Koloni, uLubabalo Mrwebi, uthi kungenzeka xa imazi okanye ithokazi legusha ligonywe ngeyeza okanye isitofu sokuthintela umkhuhlane weRift Valley.

“Xa kunjalo ke amatakane ayaphazamiseka abenomqolo ogoso, isifombo, intloko encinane, umlebe ongentla okanye intloko egcwele amanzi,” kutsho uMrwebi.

Kodwa uMarawu uthi akukho yeza nazitofu sitsha abekhe wasisebenzisa. Uthi isitofu abesisebenzise kulo nyaka, sisitofu ekudala wasisebenzisa kwaye akazange ayifumane le ngxaki.

UMrwebi ucebisa abafuyi beegusha ukuba baqhagamshelane nabalimi bafune iingcebiso phambi kokuba bagonye izilwanyana zabo.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za