Iya kweliphi iNedbank Cup kulo nyaka?

Umdlalo ojongwe ngamehlo abomvu ufikile. ISuperSport United ithathana ne-Orlando Pirates kumdlalo weNedbank Cup okulindeleke kuqhawuk’ izikeyi kuwo eMoses Mabhida Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo. IBucs yabethwa ngo’3-2 ngaMatsatsantsa kunyaka ophelileyo ePeter Mokaba Stadium. Amabhakabhaka afuna ukuzihlangula ehlazweni ngokuthi athathe le ndebe emva kokuvala isizini yePSL ka-2016/17 ngaphandle kweTop 8 into engaqhelekanga kuyo.

Indlela eqhube ngayo iPirates kwisizini edlulileyo kubenze umsindo abalandeli – ukuphumelela indebe yeNedbank lithuba lokugqibela lokubaxolisa nelokuziphindezela kwiSuperSport. Iqela lasePitoli lizakubhexeshwa okokugqibela ngungqondo-ngqondo womqeqeshi – uStuart Baxter. Le ndedeba izakuqeqesha iBafana Bafana ngokupheleleyo emva kwalo mdlalo – kodwa abadlali bayo bafuna ukuyibulela ngendebe. Amatsatsantsa aya kwiPirates ewazi umsindo enawo emva kokuyihlaza ngo’6-1 kwisizini ephelileyo – umdlalo owabangela uMuhsin Ertugral abhace eMzantsi Afrika. Emva kokuba iSuperSport ibambene ngeqanda neTP Mazembe kumdlalo weConfed Cup kule veki – iya kulo mdlalo iwulungele ngokupheleleyo.

Kulindeleke uBaxter abeke ithemba lakhe kubadlali axhathise ngabo abafana noRonwen Williams, Reneilwe Letsholonyane, Aubrey Modiba noJeremy Brockie. Umqeqeshi wePirates, uKjell Jovevret, osazingela indebe yokuqala, kulindeleke abeke ithemba lakhe ku-Oupa Manyisa, Abbubaker Mobara noMpho Makola – abona badlali abancede iqela lakhe ukuze lifikelele kumdlalo wokugqibela kwiNedbank. IBhakaniya lidlale nje imidlalo yokucweya ukusukela mhla kwavalwa isizini – lo nto inganefuthe kulo mdlalo wempelaveki. Naye umhlalutyi webhola, uSinesipho Mali, uthi lo nto ingabaphazamisa kulo mdlalo.

“ISuperSport kudala idlala imidlalo yeCAF, yona iPirates idlale njee imidlalo yobuhlobo. Yiyo ekwisimo esilungileyo ngaphezu kweBucs phambi kwalo mdlalo. Zizinto ezakuba negalelo emdlalweni ezo,” utshilo uMali.