UMayweather ubuyela enqindini

Imbethi manqindi eyaziwayo nengekabethwa, uFloyd Mayweather, ibuyela emanqindini emva kwesicelo esenziwa ngabalandeli.

UMayweather uzakuxhimfana noConor McGregor kumdlalo ozakuba nemijikelo elishumi elinambini eLas Vegas kwisithuba seenyanga ezimbini ezizayo.

Ngo-2015, uMayweather wabeka phantsi njengentshatsheli engekabethwa kwimilo engamashumi amane anesithoba.

“Ngabantu abafune lo mlo. Kuye kwanyanzeleka ukuba ndibanike le nto bayifunayo,” kutsho uMayweather.