UNomeva ulungiselela ukuya eGhana!

Emva kwexesha elide engafumani mdlalo, ngoku uXolisani “Nomeva” Ndongeni uzakufumana ithuba.

Le mbethi manqindi yakwaBhaca iphoxeke ngomzuzu wokugqibela ngethuba kumiswa umlo wayo kwinyanga ephelileyo eKapa – apho kwakulindeleke alwe khona. Abaphathi bakhe zange baphumle ukusukela ngoko.

Kugqityiwe ngoku, uNomeva uzakuqubisana kwibhanti le IBO Lightweight nembethi manqindi yaseGhana egama lingu-Emmanuel Tagoe – obaliswayo kwicala lokubetha amadoda azigxama kuyo.

Naye yimbethi manqindi elichule kakhulu uNomeva, futhi esebenza ngokuzimisela ngamaxesha onke – kodwa kufuneka athi esiya kuTagoe abe ezilungiselele ngokupheleleyo.

UTagoe ulwe imilo engamashumi amathathu anesixhenxe, ubethwe kanye qha. Phakathi kweembethi manqindi azibethileyo kukho uThompson Mokwana noMzonke Fana balapha eMzantsi Afrika.

Kodwa lo nto ingamnceda uNomeva, ngoba le mbethi manqindi iyaziwa indlela esebenza ngayo.

“Ukuba ufuna ukuba yintshatsheli kufuneka wenze le nto ifunekayo,” utshilo uColin Nathan.

pedro.mapelo@inl.co.za