ANCYL: Sithe zava kuMabuyane

Amalungu e-ANCYL eCalata House eQonce uDuba Mphuthumi olilungu, Mziwonke Ndabeni oyinkokheli, uVuyani Mbiza Gola obambele njengomnxulumanisi kunye noMaliviwe Bata ojongene nonxibelelwanoUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

IQELA leqoqo lekhaba lolutsha lwe-ANC eMpuma Koloni, lijikile kwisigqibo salo sokuxhasa uPhumulo Masualle kugqatso lwesikhundla sokuba ngusihlalo kulo mbutho, latsho liphakamisa igama likaOscar Mabuyane njengomgqatswa elithi lizakumxhasa kwinkomfa yephondo yenyanga ezayo.

UMasualle ukugqatso lwesihlandlo sesithathu sokuba ngusihlalo weANC logama uMabuyane, ongunobhala walo mbutho, ekugqatso lokungena endaweni kaMasualle njengosihlalo.

Ethetha noonondaba eCalata House, undlunkulu we-ANC ephondweni, eQonce izolo, uMziwonke Ndabeni – inkokeli kweli qoqo lolutsha lweANC – uthi iqela elisingathe inkqubo yokugayela inkxaso uMasualle alizihloniphanga izimvo zeANC Youth League.

“Kwindibano yethu ebesiyibambile, siye saxovula izigqibo zethu zasekuqaleni konyaka apho sasigqibe kwelokuxhasa uqabane uMasualle. Kodwa emva kokuxoxa lo mba, siye safumanisa ukuba iqela eliqhuba inkqubo yokugayela inkxaso uqabane uMasualle alinazandla zishushu ekwamkeleni izimvo zeANC Youth League. Sifumanise ukuba bangabantu abangafuni nokusimamela,” utshilo uNdabeni.

UNdabeni uthi iqela eliqhuba inkqubo yokugayela inkxaso uMabuyane libamkele “ngezandla ezishushu”.

“Siye safumana ukumanyelwa liqela likaqabane uMabuyane futhi kuyabonakala ukuba linabantu abazimiseleyo ekumameleni izimvo zabantu abatsha. Kwiqela likaqabane uMabuyane sithe zava,” utshilo uNdabeni.

UNdabeni uthi uMabuyane yinkokeli abayithembileyo. “Uqabane uMabuyane yimveliso yamaqela olutsha kwiANC. Isikhokelo sakhe asisithandabuzi nakancinci. Iingxaki zeMpuma Koloni zifuna abantu abatsha, abanamandla,” kutsho uNdabeni.

Iqela laseMpuma Koloni eligayela inkxaso uMabuyane likwaxhasa uCyril Ramaphosa njengalowo ufanele ukuthabatha iintambo zokuba ngumongameli kwiANC emva kwenkomfa yenyanga yoMnga.

Oku kuyaphikisana nesigqibo seANC Youth League kazwelonke ebhengeze ngoLwesibini eRhawutini ukuba ixhasa uNkosazana Dlamini-Zuma.

Ebuzwa ngoonondaba ukuba balixhasa njani iqela leANC eMpuma Koloni elichasene noDlamini-Zuma, uNdabeni uthe: “Lo ngumba wephondo, umba kazwelonke awungeni ndawo kule nyewe. Siyasixhasa isigqibo sokuxhasa uqabane uDlamini-Zuma kodwa apha ephondweni sifuna uqabane uMabuyane.”

sithandiwe.velaphi@inl.co.za