Imvuselelo yesizwe samaMfengu eMpuma Koloni

NgeEnjongo zokugcina imbali, amasiko, izithethe nenkcubeko yaso, isizwe samaMfengu eMpuma Koloni sikwiphulo lokuvuselela ingxoxo ebanzi ezakuqhutywa kwiiyunivesithi ezintathu zeli phondo.

Okhokele lo mcimbi uNkosi Jamangile Justice Mbana, uthi eli phulo lizakubanceda ukuthatha inxaxheba kuphuhliso lwentlalo nembali ebhaliweyo ephuma kumaMfengu.

“Sizakusebenzisa iyunivesithi yaseFort Hare, WSU neRhodes ukuba zikhokele ingxoxo echaza, inabisa ibali, imvelaphi, amasiko nezithethe zesizwe samaMfengu kweli,” ucacise watsho uMbana. Injongo yabo kukunika isizwe ithuba lokuba sixoxe banzi ngobu Mfengu ukuze kamva kugcinwe, kushicilelwe konke oko kuya kuba ziziphumo zengxoxo.

“Olu lwazi luzakuphuma kwezingxoxo luzakugcinwa ukuba lubesisikhokelo solwazi ngesizwe sethu samaMfengu.” Esi sizwe sikwajonge ukuvuselela izifungo zabo abazenza ngonyaka ka1835 ezazijoliswe ukuphuhliswa kwentlalo yezizwe ezivela ngaseMbo kwanoluntu ngokubanzi.

“AsingomaMfengu kuphela azakuxhamla kule mvuselelo, koko nezinye izizwe kuba sihlala nabantu esafikela kubo apha, ukuhlalisana kakuhle nokuphuhliswa kwentlalo yenye yeenjongo zethu,” utsho uMbana.

Isizwe samaMfengu sigaleleke kweli ngonyaka ka1820, sikhangela indawo zokumisa imihlambi nemizi yaso.

“Sifike apha sivela ngaseThukela sikhangela umhlaba, eli gama leMfengu, la madoda awazange alisebenzise ngexesha ecela umhlaba kumaMpondo nakubaThembu ngokunjalo, kodwa aqale ukuzibiza ngokuba angamaMfengu ngethuba efika kwikomkhulu lamaXhosa.”

Bathi luninzi ulwazi olungachanekanga olukhoyo malunga nesizwe samaMfengu kuMzantsi Afrika. “Isizwe samaMfengu senziwa zizizwe zamaZizi, amaBhele kunye namaHlubi kwanezizwe eziphantsi kwezo zindlu, siyathanda ukuba abantwana bethu nabantu bazi kakuhle ngathi,” utshilo uMbana.

Iziphumo zengxoxo eziza kuqhutywa kwiyunivesithi ezahlukeneyo kulindeleke ukuba zikhutshwe ngenyanga kaCanzibe kunyaka ozayo, xa esi sizwe sizakuba siqhuba isikhumbuzo saminyaka le.

“Nanjengoko siye sibenesikhumbuzo sesi sifungo samaMfengu minyaka le, sijonge ukuba iziphumo zale ngxoxo zothulwe ngalo mhla wesikhumbuzo ngoCanzibe kunyaka ozayo,” itsho ingxelo. AmaMfengu afunga kurhulumente welo xesha ukuba ayakumkhonza uThixo, ayakubafundisa abantwana bawo nokuba ayakuthobela urhulumente ophetheyo.

Ukanti oyingcali yenkolo yesiNtu kweli uGqr. Nokuzola Mndende uyaligxeka eli nyathelo esithi alihambelani nomgaqo siseko welizwe loMzantsi Afrika.

“Abantu besi sizwe abakhonzi ngokobuKrestu bonke, asinakubotshelelwa ngokungathi singamaKrestu sonke, ukuthobela urhulumente kuthetha ukuhambelana nombutho othile wezopolitiko, ukuba bekuphethe omnye umbutho besiza kuthini phantsi kwesi sifungo okanye xa umntu engahambelani nalo mbutho uphetheyo ebeza kuthini, mabajonge umgaqo-siseko ukuba uthini,” utsho uMndende.