Oomama bagrogrisa ngokuwolusa okwesibini amadoda angamameliyo

Icebo lokuqubisana namadoda axhaphaza amakhosikazi nabantwana lelokuba oluswe okwesibini loo madoda, itshilo enye yamakhosikazi ngethuba kubanjwe umngcelele eBhisho kule veki.

Amakhosikazi aseMpuma Koloni phantsi kwemibutho yezopolitiko eyahlukeneyo babonakalise ukumanyana kule veki besitsho ngazwilinye ukuba bakruqukile ngumkhwa wokudlwengulwa nokubulawa kwamakhosikazi nabantwana.

La makhosikazi akwenze oku ngokubamba umngcelele esuka kwibala lezemidlalo eBhisho, esiya kwindlu yombuso apho iNkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle ahlala khona. Badlulise uxwebhu lwezikhalazo besithi bafuna urhulumente abeqatha kwabo baxhaphaza amakhosikazi neentsana.

UVeliswa Mvenya nolilungu lepalamente eBhisho phantsi kombutho iDA uthe: “Sonele kwaye sikruqukile singamanina kuba le yenzekayo eMzantsi Afrika ayisiphathi kakuhle.”

“Urhulumente makakhe ayiqwalasele into yokunikwa kwabenzi bobubi ibheyile. Ukuba umthetho awukho qatha, makaziswe kuthi loo madoda axhaphaza amakhosikazi nabantwana siwoluse,” utshilo uMvenya.

UNomachule Quvile olilungu lepalamente phantsi kombutho iUDM uthe: “Singoomama uThixo makasixolele apho sone khona kuba kubi apha phandle. Yanga bonke abenzi bobubi bangabolela ejele. Xa isizwe sitshintsha kanje ikwasithi boomama amabavuke silwe ingxaki ezilolu hlobo.”

Abafundi besikolo esithe sanomfundi obelixhoba lokubulawa iWongalethu High kwa-N.U.2 eMdantsane, bakhale ngazwilinye besithi benzeni na bengabantwana.

“Asithathelwa ntweni ngabantu abangootata, kanti umntu ongutata ngumntu onakuthi xa wehlelwe yinto ebuhlungu ubalekele kuye kodwa ngoku asiva sikhuselekile,” oko kudizwe ngabafundi besi sikolo.

Unobhala weANC ephondweni uOscar Mabuyane, uthi ilizwe elingenabo oomama lilizwe elingenawo umqolo, ilizwe elingenabo abantu abatsha, ingakumbi amantombazana, lilizwe elingenalo ikamva, sifuna bakhuselwe aba bantu ukuze sibenelizwe eliqaqambileyo.

Wonke umntu othatha inxaxheba ekuxhaphazeni umntu wasetyhini akumelanga ukuba singahlala naye kwindawo zethu zokuhlala. Asinakuhlala nezidlwengu kwa nabantu abaxhela abantu babatye.

UMasualle phambi kokutyikitya uxwebhu olo, uthe: “Alisekho elokulinda, ndiyaqinisekisa ukuba le indlela sakuyihamba sonke. Into yokuhlukunyezwa kwabantwana noomama yinto engemnandanga kwaye engasihlelisanga kakuhle.

“Lo mkhwa wokuba abantu bangabuxabisi ubom kwenza kubelula nokuthatha ubom bomnye umntu osenenjongo ngabo, oko sakususa neengcambu. Indawo zethu zokuhlala mazisoloko zikhuselekile,” utshilo uMasualle.

Ikumkanikazi yamaRharhabe uNoloyiso Sandile, umphathiswa wezempilo ephondweni uGqirha Pumza Dyantyi, owezentlalo yoluntu uNancy Sihlwayi kwakunye nomkomishinala wamapolisa ephondweni uLiziwe Ntshinga, bebeyinxalenye yalo mngcelele.