Ayimonwabisi uJomo imeko yeBucs

UJomo Sono ongumqeqeshi weJomo Cosmos

Igqala le-Orlando Pirates, uJomo Sono, livakalise ukungaxoli kwalo yimeko yalo, latsho lisithi usihlalo makazame ukwenza utshintsho.

Ukuthethe oku uSono kwintlanganiso ebekukhuthazwa kuyo ukuziphatha kakuhle kwamadoda ebiseThekwini ngoLwesibini. Ezimnyama zivale isizini ngaphandle kweTop 8 okokuqala ukusukela mhla kwasungulwa iPremier Soccer League ngo’96. Lo nto ibangele kuhlekiswe ngayo iPirates kakhulu ngabalandeli bebhola.

USono wakhulela kwiPirates waze waphinda wazenzela udumo kwakuyo. “Liyafika ixesha lotshintsho ebholeni, okuhle kukuba iPirates isezandleni ezifanelekileyo. Usihlalo wayo, * -Irvin Khoza, uyayazi ibhola nento efanele kukwenziwa. Wafika kwiPirates ngo-1980, ngelo xesha ndandisadlala. Uzakuyinceda ngoba unawo amava. Iyazi ukuba iqela analo alikho semgangathweni ophezulu. Ngeke lilwele iindebe tu,” utshilo uSono.

Nakubeni iPirates ivale isizini ikwindawo engancumisiyo – kodwa isenalo ithuba lokufumana indebe. Phambi kokuphela kwale nyanga, iPirates izakudibana neSuperSport United kumdlalo weNedbank Cup ozakube useMoses Mabhida Stadium.

Eli lithuba layo lokugqibela iBucs lokuncumisa abalandli njengokuba igqiba amashumi asibhozo eminyaka yasekwayo kulo nyaka.