Bekubhakuzeliswa umnatha namhlanje eSisa Dukashe Stadium

Acornbush inethuba lokuya kwiNational First Division emva kokubetha iThe Dolphins namhlanje eSisa Dukashe Stadium. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Imidlalo edlalwe ngamaqela adlala kwi-ABC Motsepe League alwela ukuya kwiNational First Division iqhube kakuhle kusuku lwesithathu eMdantsane namhlanje. Okuthe kwaqaqamba kolu suku ngamagowuli alishumi elinesibini onke afakwe ngamaqela ohlukeneyo nangona ekuqaleni kwale midlalo ebenqongophele. Imidlalo ingakapheli – kodwa amaqela afana ne-Acornbush eqeqeshwa nguMacDonald Makhubedu, Uthongathi, iSuper Eagles neZizwe United – athande ukuzicacisa ukuba azokusebenza eMonti.

Onke la maqela ayiphumelele imidlalo yawo namhlanje. KuGroup A, yi-Acornbush enethuba lokuya kwiNFD emva kokubetha iThe Dolphins ngo’3-0. Amagowuli weli qela laseMpumalanga afakwe penela nguTshepho Benside, uMadoda Motha noVelile Mdaka. Elinye iqela eliphumeleleyo kuGroup A: yiSuper Eagles ebethe iMaccabi FC ngo’2-0 eSisa Dukashe Stadium. Lo ibingumdlalo wesibini we-Eagles, kowokuqala yabambana ngeqanda ne-Acornbush. Ngoku inamanqaku amane kwindawo yesibini.

Kanti kuGroup B onamaqela abedlala okokuqala namhlanje ukhokelwa yiZizwe United evuthulule iMainstay United ngo’5-0 kowona mdlalo othe wanamagowuli amaninzi kule tumente. Amagowuli weZizwe afakwe nguBanele Buyeye noMpho Erasmus ofake amagowuli amane eyedwa kulo mdlalo. Iqela leMpuma Koloni, i-EC Bees, libethwe ngo’1-0 liqela laseKZN, Uthongathi.

Ukuze iqinisekise indawo yayo phezulu kuGroup A, i-Acornbush kufuneka ibethe iBuya Msuthu ngomso eSisa Dukashe Stadium. Yona iZizwe kufuneka ibethe Uthongathi FC ukuze iqinise indawo yayo phezulu kuGroup B. IBees izakuzama ukuvala isikhewu xa idlala neMainstay United ngomso emva kokugqwidiza kumdlalo wokuqala. Umqeqeshi weZizwe, uJulius Dube, uzamkele iziphumo zomdlalo wokuqala – kodwa wabe esithi iliso labo likumdlalo olandelayo.

Pedro Mapelo's photo.

“Sonwabile kakhulu, sisendlela ende ekufanele siyihambe. Sinemidlalo emibini elandelayo ngoku – kodwa siyavuya kakuhle sikwazile ukufaka amagowuli,” utshilo uDube.

“Abadlali bethu basenamandla ngoba khange baphumle. Amalungiselelo wethu eBhayi ahambe kakuhle kakhulu. Ngesifake amagowuli amaninzi kulo mdlalo, ndiqinisekile ubabonile abadlali bethu bebeyekelele yade yabundicaphukisa lo nto. Kodwa eyona nto ibalulekileyo siwafumene amanqaku – eyona nto ibalulekileyo. Sizimisele ukuphumelela umdlalo wethu olandela ngoba nguwo ozakusisa kwiNFD,” utshilo uDube.

Ngomso iqela lakhe uDube liqubisana nelaKwaZulu Natala, Uthongathi FC.

Umqeqeshi we-Acornbush akanamsebenzi ungako ngomso ngoba abadlali bakhe bayayzi eyona nto bayifunayo ngoku. Uxanduva lomqeqeshi kukuqinisekisa nje ukuba abaphumu emgaqweni. “Sizakuzama ukulungisa iingqondo zabadlali bethu ngomso. Sijongana nomdlalo ubemnye ngexesha, Mhlawumbi lingazama ukusisokolisa iqela esidlala nalo ngomso – kodwa sizimisele ukuphumelela ngomso,” utshilo uMakhubedu emva komdlalo.