Ubhubhile uJwarha kaNobobwire eMzini Wezinsizwa

Angena ngokungena amazwi wovelwano emva kokubhubha kukaJwarha woMzi Wezinsizwa.
UWashington Sixolo, nobedlala uJwarha, umyeni kaNobobwire kulo mdlalo weSABC 1 iminyaka eliqela, ubhubhe ngeCawa emva kwengulo ende.

USixolo, nobeminyaka engama-83 ubudala, ugqibele ukubonwa kumdlalo kamabonakude eMzini Wezinsizwa.

Eli gqala lomdlali kamabonakude kuvakala ukuba liye lagula kakhulu ngoMgqibelo kwikhaya lalo elise-Orlando East laze labalekiselwa kwisibhedlele saseChris Hani Baragwanath, nalapho athe watshabela khona kusuku olulandelayo.

Waqala ukudlala kwimiboniso kamabonakude ebutsheni beminyaka yoo-1970.

Ngo-1983, lenzalelwane yasePayneville eSprings kwiMpuma Randi yazuza iTonight Acting Award.

USixolo, nowayefudula engumfundisi-ntsapho, ukhe wadlala nakumabali kanomathotholo wesiXhosa. Ukhe wabonwa nakumdlalo uShaka Zulu nalapho wayedlala indawo kaBhebhe naleyo equka uErnest Goes to Africa, Velaphi, Going Up and Friends.

Ukhe wavela nakumboniso kaJackie Chan uWho Am I?

Inkonzo yakhe yokugxwal’ emswaneni izakubanjelwa eUncle Tom’s Hall e-Orlando ngoLwesine.

Iinkcukacha zenkonzo yesingcwabo besingekabhengezwa.