IWinter Rose ibethwe yiSwallows kakubi eSisa Dukashe Stadium

Indebe yeSuperSport Rugby Challenge. Umfanekiso: Facebook

Kuvulwe ngodlwabevu lomdlalo obumhle ngendlela engumangaliso kwitumente yombhoxo namhlanje ekuseni. ISwallows, ebidlokova okwehashi lomoya, ivuthulule iWinter Rose ngo’43-11 weSuperSport Rugby Challenge oshiye abalandeli bengawuvali umlomo namhlanje eSisa Dukashe Stadium. Le tumente yombhoxo, elivelatanci lequmrhu losasazo iSuperSport, iyakhulu ngokuhamba kwexesha kwiindawo ebezikade zingayifumani imidlalo yombhoxo eMzantsi Afrika. Namhlanje eMdantsane abantu babonise ukuyithakazelela nokuyamkela le tumente ngokuthi baphume bayobukela amaqela abekhuphisana kumdlalo wokuvula ekuseni.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla kulo mdlalo iSwallows inkqenkqeza phambili ngamanqaku asondele kumashumi amabini emva kokulala emgceni izihlandlo eziliqela. Eyona nto ebukelekayo kakhulu kule midlalo ngumbhoxo ophucukileyo oveliswa ngamaqela amnyama ngethuba lentandabuzo kubadlali abamnyama abasasokolayo nokungena kumaqela amakhulu ombhoxo nakwiqela lesizwe ngenxa yendeb’ endala nengcingane eyayamanisa umdlalo wombhoxo nabantu bebala elithile kuphela.

Kulo mdlalo iWinter Rose ayibethwanga kukuba abadlali bayo bengawazi umbhoxo, eyona nto ethe yaphuma phambili kukuba iSwallows inabadlali abadlala ibhola yombhoxo entle kakhalu futhi bebenenjongo ecacileyo yokuphumelela umdlalo. Omnye wabadlali abaswantsulise kakubi iWinter Rose ngumdlali onamaendu kakhulu, uSiya Pati, olele emgceni emva kokusika amadoda esizikithini sebala futhi obenegalelo elikhulu kwimpumelelo yeSwallows namhlanje. ULelethu Gcilithemba no-Aphiwe Sitenele ngabanye abadlali abathe bazibonakalisa kulo mdlalo ukuba bayakwazi ukudlala umbhoxo osemgangathweni ophezulu.