Iyeke intaphane yamathuba iBlack Leopards

Phathutshedzo Nange of Black Leopards is challenged Sibusiso Hadebe of Stellenbosch during the NFD Promotion Playoffs match between Black Leopards and Stellenbosch on 03 June 2017 at Thohoyandou Stadium © Sydney Mahlangu /BackpagePix

IBlack Leopards ayikwazanga ukubetha iStellenbosch namhlanje kumdlalo obuphakathi kwala maqela wokuzibekela indawo kwiPSL ophele ngo’0-0, eThohoyandou Stadium. Iqela laseLimpompo lifumene amathuba amaninzi kakhulu kulo mdlalo – kodwa kude kwase kupheleni lingakwazanga ukusebenzisa neli linye ithuba.

Ithemba lokufumana amanqaku amathathu kubalandeli beBlack Leopards belilikhulu ngeyona ndlela ngoba umdlalo ibingowayo namhlanje – kodwa bagoduke benesigqukru. Bekumeluba iLeopards iye kwixesha lokuphumla ihamba phambili ngamagowuli noba mathathu ubuncinane. Ngenxa yokungxama nokungakwazi ukusebenzisa amathuba ngendlela eyiyo – ayikhothanga naphantsi.

UMwape Musonda ufumene ithuba lokuqala kulo mdlalo ngomzuzu wesixhenxe emva kokunikelwa ibhola ebisuka esiswini – ngelishwa ayimsebenzelanga ngenxa kanozinti weStellenbosch, uWashington Arubi, okhawuleze waphuma ezipalini. Nangona iqela laseNtshona Koloni beliphantsi koxinizelelo kulo mdlalo – kodwa eyona likwazileyo ukuyenza kukuyibamba iLeopards kwade kwase kugqibeleni.

Amathuba weStellenbosch okuphumelela lo mdlalo aye ancipha ngakumbi xa kusondela isiphelo somdlalo ngethuba kukhutshwa uDiego Brown ngekhadi elibomvu. Izamile iLeopards ukulisebenzisa elo thuba, yoyiswa ngabadlali beStellenbosch abaqinisekise ukuba akufakwa gowuli kubo.

Black Leopards: Muleka, Munyai, Munganga, Ndou, Mabotja, Mkhulise, Abubakar, Nange, Mahangwahaya, Musonda, Mtshangase.

Stellenbosch: Arubi, Lecki, Booysen, Sait, Hadebe, Moroole, Brown, Adonis, Mekoa, Mabua, Niang.