“Bayidlala ku-Instagram, dololo ebaleni abePirates”

Bidvest Wits Moeneeb Josephs(POM) during the 2017 COM ,POM and Goal of the month of May on 27 May 2017 at PSL Offices ©Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Emva kokuba i-Orlando Pirates ivale isizini yePSL ka’2016/17 ingaphandle kamaqela aphambili azakuthi akhuphisana kwiMTN 8 ekuqaleni kwesizini ezayo – kubangele omnye wabadlali ababefudula bedlalela (yona) ukhwele ezehlela kubadlali abadlalela eli qela laseSoweto ngoku nabatyhola ngobufede. UMoeneeb Josephs – odlalela iBidvest Wits ephumelele indebe yePSL – uxelele amajelo endaba eGoli izolo ukuba abadlali beBucs badlala into engabonakaliyo.

UJosephs ukuthethe oku ngethuba esamkela iwonga emva kokuchongwa kwakhe njengomdlali obalaseleyo kwinyanga kaCanzibe nomqeqeshi wakhe uGavin Hunt, naye owamkele iwonga lenyanga lomqeqeshi oqaqambileyo. Lo kaJosephs wathathwa yiWits emva kwiPirates emva kokuyidlalela iminyaka eliqela – kodwa uyaziwa kakhulu ngokuyithetha phandle into ayicingayo. Njengokuba kukho amahum-hum athi uSteven Pienaar angabuyela eMzantsi Afrika emva kokuthotyiselwa kweSunderland abeyidlalela eNgilane – uJosephs uthi kungakuhle ukuba iBucs ingamathatha ngoba iyamdinga umdlalo onje ngaye.

“UPienaar ngumlandeli omkhulu wePirates. Ndicinga ukuba angakwazi ukubuyisela ubuhlungu bePirates eyaziwa ngabo. Iyamdinga umdlali onje ngaye – hayi aba abadlali bazibonakalisa ku-Instagram,” utshilo uJosephs.

“Abadlali abaninzi kwaba bakhoyo bayidlala (ibhola) ku-Instagram – dololo ebaleni. Abalidlaleli igama lePirates, Amathambo, Izinyanya, njengokuba kudla ngokutshiwo. Badlala phaya ku-Instagram, yonke into abayenza xa bezilolonga bayigalela ku-Instagram: bububhanxa obo. Ndiyavakalelwa ngoba iPirates ndisayithanda. Yandiphakamisa kwikhono lam lebhola ekhatywayo – jonga into eyenziwa ngabadlali bayo ngoku. Nokuba babethiwe emdlalweni, uyakubabona ku-Instagram ngathi akwenzekanga kwanto – lo nto iyandicaphukisa mna,” utshilo uJosephs.

Amabhaka-bhaka anethemba lokubetha iSuperSport united kumdlalo wamagqibela kankqoyi weNedbank Cup ekupheleni kwale nyanga ukuze axolise abalandeli abagqibela ukuqhayisa kwiminyaka emibini edlulileyo.