Kuvulwe ihotele yezigidi ezingama-130 zeerandi eMthatha

USisa Ngebulana kwigumbi lokuzipholela nokutya eMayfair, eMthatha

Inzalelwane yaseCorhana enguSisa Ngebulana iyivule ngokusesikweni ihotele enamagumbi angama-96 nekuthiwa yiMayfair, eMthatha.

 

Le hotele ithathe iminyaka emibini ukwakhiwa kwaye ikumhlaba wodederhu lweevenkile zaseBT Ngebs City.

 

“Yeka wena ukuba bekukho amagingxingingxi nonokontraka wokuqala owayesisebenzela, kodwa ke ekugqibeleni kude kwalapha! Ndibulela kuAyanda Boltina owathatha indawo yalo makhi wokuqala. UBoltina ufundele ubunjineli kwaye ebeziqhubela inkampani yakhe yabucala phambi kokuba athathe olu xanduva lokuqala ukwakha le hotele aze ayigqibe ibenje,” kutsho okaNgebulana.

 

Eyona nto iwuthwebule ngamandla umdla woluntu noonondaba beli  yingqiqo nengcingane yokuzisa uphuhliso kuluntu lwenye yezona dolophu zingathathi ntweni, ngokusondeza iinkonzo ezinokuthi zithwale nezithwala-ndwe ezisuka kumazwe-ngamazwe.

 

Kwintetho yakhe kumsitho obuzinyaswe ziinkokheli zopolitiko, ezemveli, oosomashishini nabadlali beqonga, okaNgebulana uthe, “ekuhambeni kwam kwizitalato zoMthatha ndiqaphele ukuba abantu bale ndawo basahlala kwiindawo ezazisemgangathweni ophezulu kwiminyaka engamashumi amathathu adlulileyo. Ngoko ndithe ndabona isidingo sokuzisa utshintsho ngokwazisa ubuchwepheshe nobukhazi-khazi banamhlanje eluntwini kungadanga kwanyanzeleka luyokutshona kooThekwini nakooKapa. Ngaxesha linye ndivelise amathuba emisebenzi engaphezulu kwamakhulu asixhenxe kubantu abantsundu bale dolophu neziphaluka.”

 

Ngobusuku bangoLwesine, amagumbi ebegcwele ephuphuma ziindwendwe, usapho lonke lakwaNgebulana, inkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle, ingqonyela yezokhenketho kweli loMzantsi Afrika enguSisa Ntshona, umphathi weRhythm FM onguPutco Mafani; bonke bezokuzivela ukuba kunjani ukulala kule ndawo kanye ngosuku olu lokuqala.

 

OkaNgebulana uphinde wathembisa ngokuzisa ithiyetha yemiboniso bhanya-bhanya yakwaSter Kinekor eMthatha kunye nekhasino ezakukhatshwa luluhlu lweendawo zokutyela ezizakuqalwa kweyeKhala kulo nyaka ukwakhiwa; zigqitywe kwisithuba sonyaka nje omnye.

 

Ingqonyela yezokhenketho, uNtshona, woleke ngelithi, “wonke umntu waseMthatha unendima anokuyidlala ekuphuhliseni ukhenketho lwale dolotshana. Kubalulekile ukuba singabantu abantsundu sithathe inkuthazo kwiqela leBillion Group ekhokhelwe nguSisa Ngebulana. Uphuhliso lwezimali ekuthiwa yiRadical Economic Transformation alunakuphumelela ngaphandle kokuba sizise abadlali abatsha bezoshishino kulo mdlalo”.

 

Uphinde wabongoza abantu baseMthatha ukuba bazilungiselele kuba oku kuse sisiqalo, wabhekisa kwinkulumbuso yephondo ngelithi, “maliphele ixesha lokuba abantu bale ndawo bathathe yonke intsebenzo yabo bayise kwiidolophu ezifume iimpokotho.”

 

Intloko yesithili iO.R. Tambo, uNomakhosazana Meth, uvumile ukuba lo kaNgebulana uthe wabacela umngeni bengurhulumente ngokungajongi kuphela kuphuhliso lwezimali kodwa nentlalo yabantu bale dolophu. Ukutsho oku ebhekisa kwindlela eyakhiwe leli thanda-zwe nakwamanye amanyathelo aquka ukwakhiwa kweenkonzo zoluntu eGxulu. 

Uthe banoxanduva lokuqinisekisa ukuba bayigcina icocekile le dolophu kwaye bancothule ulwaphulo mthetho ukuze abakhenkethi bazive besekhaya. Edibene nokaMasualle bambulele okaNgebulana ngokuzisa iMelika eMthatha, besithi wonke ubani uzakutsho afumane ithuba lokwazi ubutyebi ahleli phezu kwabo.

 

Amaxabiso aqala kuR1495 – igumbi elinye ukuyokuthi ga kwiR10 000 ukuba ufuna ukulala ebufana nendlu kuphahla lwesisakhiwo (Penthouse ngesiNgesi).

 

*Namhlanje okaNgebulana ubhiyozele ukugqiba iminyaka engama-51 esitya amazimba kulo mhlaba; unikezele ngokutya neengubo ezixabisa isigidi seerandi kwabangathathi-ntweni eNgqeleni nakwilali ezingqonge uMthatha.