IRhodes yenza utshintsho eDV

UCaviner Ruiters onguMr. Justice South Africa ePefferville Primary School eMonti, apho ebeyokukhuthaza, ekwacebisa abantwana ngeendlela ezingcono zokuphila ubomiUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Ummandla waseDuncan Village eMonti ngomnye ohamba phambili kwintlupheko equka indlala, intswela-ngqesho, ubumdaka, kuquka nolwaphulo mthetho oluphezulu.

Kungoko abaninzi asele bephumelele bethe gqolo ukutyelela kula mmandla, bekhuthaza abancinci ekubeni bangavalelwa yintlupheko kwiminqweno yabo xa bekhulile.

Izolo iqela labafundi beYunivesithi iRhodes eRhini, batyelele isikolo iPefferville Primary, phakathi kwabo kukho noMr Justice South Africa, uCaviner Ruiters, nalapho bebexhotyiswa ngezakhono zobomi eziquka uhlobo lokuziphatha, bekwafundiswa nangendima yamalungelo omntwana ukuba awahambi odwa analo noxanduva.

“Umntwana ngamnye unelungelo kodwa ilungelo elo makalazi ukuba lihamba noxanduva. Ndizama ukuthi masingamoshi sithembele ekubeni andinakubethwa kwaye ndingenakuthunywa kuba ndinelungelo. Ukwanalo noxanduva lokuba inkolo yomntu osecaleni kwakho uyihloniphe kuba kuye ililungelo,” utshilo Ruiters.

UNondumiso Msezana ophuma kwiphulo elilwa ulwaphulo-mthetho kwindawo zokuhlala eRhodes, uthi le ndawo bayikhethe kuba iyenye yeendawo ezihamba phambili kulwaphulo-mthetho.

“Sizokubeka umbono ebantwaneni abanephupho kwanenjongo ngobom. Angavalelwa ziingxaki ezijongene nolutsha lwaseDuncan Village, aphumele ngaphaya kwazo.

“Sifuna babone ukuba zikhona nezinye iindlela ebomini, intlupheko ayikuvaleli.”

Umfundi kaGrade 6 uTia Murran, 12, uthi ukuhlala eDuncan Village yena akumvaleli ekubeni angangaphumeleli ebomini.