Nomeva: Ndinyanzelekile ndimqhekeze uNettey

Xolisani Nomeva Ndongeni

UXolisani “Nomeva” Ndongeni usebenza nzima enkampini yakhe – apho alungiselela khona umlo we-International Lightweight enemijikelo elishumi eKhayelitsha ngeCawe.

Lo kaNdongeni uzakulwa okokuqala eKapa nendedeba esuka kwilizwe laseGhana egama linguRazak Nettey – angayazi kakuhle noxa imbali iyichaza njengendoda ewaziyo umsebenzi wayo.

UNomeva, 27, ongekabethwa kwimilo engamashumi amabini anesibini, uthi ufuna ukumqhekeza kwangoko lo mfo waseGhana nangona wagqibela ukulwa kwiinyanga ezintandathu ezadlulayo ngethuba ebetha uJuan Mendez kumlo owawuseCalifornia, eMelika.

“Kunyanzelekile ndimqhekeze zisuka uNettey. Ndiwulungele umlo, uRazak andimazi kwaye akukho nto endiyifumeneyo ngaye – kodwa ke lo nto ndiyithatha njengomceli-mngeni,” utshilo uNomeva kweli phephandaba.

Ngenxa yeso sizathu, le mbethi manqindi kuthiwa ithelekiswe neembethi manqindi ezifana noWarren Jourbet, uTshifiwa Munyai noRicky Tshabalala kwimilo yokuzilolonga ngelizama ukuzilungiselela ngokupheleleyo.

UNomeva yenye yeembethi manqindi ezithathelwa phezulu yimibutho yehlabathi ngenxa yomsebenzi wakhe omhle awenzileyo kwikhono lakhe.

Kule mpelaveki, le mbethi manqindi inethuba lokufumana abaxhasi abatsha nekhaya elitsha eKapa, ngakumbi ukuba izinto zimhambela kakuhle.

UNettey akayiyo idyongo ngoba imbalwa imilo abethwe kuyo, kwaye uwangqengqisile amadoda kwimilo yakhe.