Amava kaHunt azakuyinceda iBidvest Wits!

UGavin Hunt ongumqeqeshi weBidvest Wits umfanekiso: Samuel Shivambu/Backpagepix

UGavin Hunt uthi iqela lakhe lilungiselela ukulwa njengokuba ugqatso phakathi kwamaqela aphambili luthande ukunyuka phambi kokusongwa kwesizini.

IBidvest Wits ihleli phezulu kwiPSL, ishiya ngamanqaku amathathu iMamelodi Sundowns ekwindawo yesibini neCape Town City ehleli kwindawo yesithathu.

IWits yandise amathuba okubamba indebe ngokuthi ibethe iMaritzburg United ngo’1-0 kwiveki ephelileyo. Nangona kunjalo, uHunt uthi ulindele iDowns neCitizens zilwe kude kube sekugqibeleni.

Amakhosi, ekulindeleke avale isizini engenanto, aphise ngomdlalo kwiGolden Arrows efake igowuli ngomzuzu wokugqibela kumdlalo ophele ngo’1-1 kwiveki ephelileyo.

Kule minyaka mihlanu uHunt ayichithe kwiWits njengomqeqeshi, le yeyona sizini enethuba elicacileyo lokuphumelela eyona ndebe iphambili kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika.

Eli qela laseGoli lizamile kwisizini edlulileyo – kodwa loyiswa yiSundowns egqugqise izwekazi le-Afrika lonke. Ngenxa yamava wakhe umqeqeshi weWits emva kokuphumelela le ndebe izihlandlo ezithathu ngethuba eqeqesha iSuperSport United phakathi kuka’2007 no’2010, ngoku ukulungele kwakhona ukulwa namakhwenkwe wakhe kude kube sekugqibeleni.

“Mamela apha, iSundowns neCape Town City ziza kulwa, utshilo uHunt. Njengokuba kushiyeke imidlalo emithathu kwiqela ngalinye – iWits kunyanzelekile iyiphumelele yonke imidlalo yayo ukuze iphumelele indebe yesibini kule isizini.

“Ukuba uya emdlalweni ubala ngeziphumo zomdlalo, izakuba khona ingxaki. Kufuneka sidlale qha, singacingi ngamanqaku afunekayo nemidlalo ekufuneka siyiphumelele ngoba iyabambezela lo nto. Ndakhe ndakuyo loo ngxaki ngaphambili, abadlali badlala nzima kakhulu,” utshilo uHunt.

Abafana bakaHunt bazakujamelana nePolokwane City efuna ukubethelela indawo yayo kwiTop 8, kumdlalo wokugqibela iWits idibana neChiefs elwela indawo yesithathu kule sizini.

Imidlalo yePSL

NgoLwesihlanu: Highlands Park vs Chippa United @Makhulong Stadium 20:00

NgoMgqibelo: Golden Arrows vs Baroka FC @Princess Magogo Stadium 15:00; Polokwane City vs Kaizer Chiefs @New Peter Mokaba Stadium 18:00; Ajax Cape Town vs Bloemfontein Celtic @Athlone Stadium 20:15