Igqejwe olungophiyo i-EC Bees

Iqela eliphambili kwi-ABC Motsepe League eMpuma Koloni, i-EC Bees, ligqejwe iduma elingophiyo emva kokuthathelwa amanqaku yiSafa ekuqaleni kwale veki.

IBees iziintshatsheli zeMotsepe League – kodwa iye yamangalelwa ngokusebenzisa umdlali ongabhaliswanga ngendlela efanelekileyo.

Umbutho olawula ibhola, iSafa, uyithathele amanqaku amathathu iBees yaphinda yathiwa nka ngomdliwo weshumi lamawaka eerandi (R10 000).

Lo nto ithetha ukuthi yiFuture Tigers evale isizini ikwindawo yesibini, enyukela kwindawo yokuqala neya kwimidlalo (Play-offs) ekuhluzwa kuyo amaqela aza kunyukela kwiNational First Division kwisizini ezayo.

Ngaphandle kwamathandabuzo, iBees, ayinokuxola sesi sigqibo – kodwa kufuneka ifake amaxwebhu esibheno ukuba ayonelisekanga sesi sigqibo seSafa zingaphelanga iintsuku ezilishumi elinesine.

Nangona kungekaqinisekiswa kodwa kulindeleke amaqela aphumeleleyo kumaphondo olithoba adibanele eMonti – apho kuza kuthi kuhluzwe azakunyukela kwinqanaba elingasentla.