UComitis ufuna abona badlali abaqaqambileyo kwiChiefs nakwiDowns

Siphiwe Tshabalala of Kaizer Chiefs shoots at goal during the Absa Premiership 2016/17 game between Cape Town City and Kaizer Chiefs at Cape Town Stadium on 25 April 2017 © Ryan Wilkisky/BackpagePix

Umnikazi weCape Town City, uJohn Comitis, uzimisele ukulikhulisa iqela lakhe ukuze libephakathi kwawona maqela aphambili eMzantsi Afrika. Ukuze yenzeke lo nto uyazi into ukuba kufuneka achithe iimali ezinkulu kakhulu. Ngethamsanqa, akanqweni ngentliziyo nje kuphela, uzimisele ukubhokoxa itasi yakhe yemali ukuze athenge abadlali abanokuthi baphakamise igama leqela lakhe. UComitis wothuse umzi emva kweendaba ezithe ndi ezithi uzimisele ukwenza noba yintoni ukuze afumane uSiphiwe Tshabala weKaizer Chiefs noPercy Tau weMamelodi Sundowns.

Oku kudizwe liSolezwe kutshanje kwincoko ayenze malunga namalungiselelo esizini ezayo. Lo kaComitis ubuyele kwibhola elikhulu eMzantsi Afrika emva kokuthenga iMpumalanga Black Aces kunyaka ngemali engazange ichazwe nawayitshintsha igama kunyaka ophelileyo. Kwisini yokuqala, iCape Town City, seyifumende indebe yeTelkom Knockout kungaphelanga neenyanga ezintlanu idlala kwiPSL. Ngoku iqhayisa ngabadlali abenza iziqwenga kwibhola yeli lizwe abafana noLebogang Manyama, uBongolethu Jayiya, uTshepo Gumede, u-Aubrey Mngoma noLehlohonolo Majoro.

Pedro Maphelo's photo.

Percy Tau of Mamelodi Sundowns during the Absa Premiership match between Bidvest Wits and Mamelodi Sundowns on 01 May 2017 at Bidvest Stadium © Sydney Mahlangu /BackpagePix


Ukususa uTshabalala noTau kumaqela wabo soze kube lula konke konke ngoba iingcambu zabo kuwo zibambelele, babalulekile futhi kungamtyabula izigidi ngezigidi zerandi ezivisayo uComitis. Kodwa ebholeni akukho nto ingenzekiyo xa umntu enayo imali ehamelana neminqweno yakhe kwaye umntu ofuna iqela lakho libe nobunganga ebholeni, kufuneka uchithe imali njengoPatrice Motsepe othenge abadlali ngeemali ezinkulu phambi kokufezekiswa kweminqweno yakhe. “Ndizimisele ukulikhulisa iqela lam. Ndifuna uTau noTshabala ukuze kwenzeke lo nto. Andinayo ingxaki nokuba kungathiwa ndiqongqotha neyokugqibela imali. Ndizakuthetha namaqela wabo ekupheleni kwale sizini,” utshilo uComitis.

Njengangoku iCitizens iphakathi kwamaqela alwela indebe yePSL nangona ihamba emva kwiBidvest Wits ethe ngcu phezulu.