Uvele enkundleni obulele umntana wakhe eKhayelitsha

Abazali abakhathazekileyo phambi kwenkundla yaseKhayelitsha Umfanekiso: Bhekizizwe Radebe

Kapa: Inkundla kamantyi yaseKhayelitsha ive ukuba yakhe yabanjelwa ukubulala kwilokishi yaseDelft ngonyaka ka-2005 indoda ejamelene nezityholo zokudlwengula ibulale usana lwayo.

Umntwana wale nododa yakooF eKhayelitsha ebenonyaka neenyanga ezimbini kuphela ezelwe.

Indoda le yona, ineminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala, ivele kule nkundla kamantyi ngezityholo zokudlwengula nokubulala usana lwayo. Inkundla ive ukuba umrhanelwa wakhe watyholwa ngokudlwengula umtshana wakhe owayeneminyaka esithoba ubudala, kodwa esi siganeko asizange sifikelele emapoliseni kuba saxoxwa lusapho.

Umrhanelwa ubanjwe ngeCawe emva kokubuyisa olu sana kuninakhulu walo esithi luneengxaki zokuphefumla. 

Umrhanelwa ebesand’ ukubuya entolongweni, wayokuthatha olu sana kwingingqi eyaziwa njengeGreenpoint kwaseKhayelitsha kuba efuna ukuchitha ixesha nalo. 

Uhleli nosana olu isithuba seveki enye, wambuyisela kuninakhulu sele esithi unengxaki yokuphefumla. Uninakhulu ukhawuleze wambalekisela kwisibhedlele senqila – nalapho afike waxelelwa ukuba ubhubhile lo mntana amzisileyo.

Oogqirha abaxilonge olu sana baxelele amapolisa ukuba ludlwengulwe. Kuye kwayokubanjwa uyise walo. Esi siganeko siwuhlasimlisile umzi waseKhayelitsha ngakumbi. Senzeke kwisithuba seveki emva kwesiganeko sokubulawa kwentwazana ebineminyaka emine ubudala eTown 2.

Iinkokeli zemibutho ngemibutho yasekuhlaleni zivakalise ukungazamkeli iziganeko ezinje; zikwathe zizakumemelela kwiinkundla zamatyala ukuba zingabaniki bheyile abe babanjwa ngokoyamene nezenzo zokubulala nokudlwengula abantwana. 

Usihlalo wenqwanqwa lokuphuhliswa kweKhayelitsha, uNdithini Tyhido, uthe: “Eyona nto iphoxa kakhulu kukuba uyise womntwana alale nemveku yakhe. Okwangoku sizama ukuba umntu obanjelwe isiganeko esinje, oseneenjongo zokuphuma ayokwenza ezinye, angayinikwa ibheyile. Eyona nto siyifunayo kukuba yonke imibutho ekhoyo ekuhlaleni iqhogane, ize neendlela zokubuyisela izimilo zabemi baseKhayelitsha.”

UChumile Sali weSocial Justice Coalition (SJC), naye uthe kwanele ngoku ngeziziganeko zokuphathwa gadalala kwabantwana. Uthethe ngokufanayo noTyhido, ememelela ukuba kubekho iziko elijongene nabantu abaxhaphaza iziyobisi kule lokishi yaseKhayelitsha.

Ityala limiselwe umhla weshumi elinesithandathu kule nyanga nalapho kulindeleke ukuba umrhanelwa, nomelwe ligqwetha likarhulumente, afake isicelo sebheyile.