ICape Town City yonzakaliswe kakubi yiSuperSport

Thabo Mnyamane of Supersport United challenged byEbrahim Seedat of Cape Town City during the Absa Premiership 2016/17 match between Supersport United and Cape Town City at the Lucas Moripe Stadium, South Africa on 09 May 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Nangona iCape Town City ibize kakuhle kwaye kubonakala ukuba ilwela ukuphumelela indebe ye-Absa Premier Soccer League – kodwa ngoku iphelelwa ngamandla okwenkomo enombathalala. Kobu busuku yonzakaliswe kakubi yiSuperSport United ngo’4-2 kumdlalo we-Absa Premiership obubanjelwe eLucas Moripe Stadium. Eli qela laseKapa lize kulo mdlalo lifuna amanqaku apheleleyo ukuze lifake uxinizelelo kwiBidvest Wits ebethwa ngumoya phezulu kwiPSL – kodwa endaweni yoko ligoduke lonzakele futhi kunciphe namathuba walo okufumana indebe yesibini kule isizini.

Ngamakhwenkwe kaStuart Baxter abenesiqalo esithembisayo kulo mdlalo. Into aziphoxe ngayo kwimizuzu yokuqala yomdlalo kukwenza impazamo ekhokelele kwigowuli lokuqala elifakwe nguLehlohonolo Majoro. Unozinti weCity, uShu-Aib Walters, unqande amanzi engena endlini amatyeli aliqela kulo mdlalo ngenxa yokubhutyuza kwabadlali emva. UThabo Mnyamane ufake igowuli lokulinganisa emva kokuhlakaza abadlali beCity nonozinti wabo. Ukusukela ngoko, iSuperSport khange iphinde iyeke ukuzama. Kuyiwe kwixesha lokuphumla ebambene ngo’1-1 la maqela.

Isigaba sesibini sesona besinomtsalane ngoba bekukho amagowuli amaninzi – kodwa ekugqibeleni kuphumelele iSuperSport United ehleli kwindawo yesine kwiPSL emva kwalo mdlalo. Ngoku iCitizens ilwelwa indawo yesithathu ngoba amathuba wokufumana iWits ambalwa kakhulu ukuba iyawuphumelela umdlalo wayo ngomso. UTeboho Mokoena ufumene iwonga lomdlali oqaqambileyo emva kokudlala indima ephambili kulo mdlalo.

SuperSport United: Williams, Boxall, Gould, Daniels, Bhasera, Furman, Letsholonyane, Mokoena, Phala, Mnyamane (Modiba 72′), Brockie.

Cape Town City: Walters, Mkhize, Gumede, Mokeke, Seedat (Edmilson 87′), Putsche, Nodada, Manyama, Moseamedi, Masina (Jayiya 78′), Majoro.