Obe zama ukuphanga ubethwe wabulawa

Ibala eliphakathi kweKhayelitsha Training Centre kunye nomzila kaloliwe, eKhayelitsha Umfanekiso: Unathi Tuta

Kapa: Lukhale ezimantshiyana usapho lomfana ofunyenwe sele edunduluzile kwingingqi yooE eKhayelitsha. 

Ngentsasa yanamhlanje olusapho lufumene iingxelo zokuba nanko unyana walo ebethwe wabulawa ngabahlali kwibalana eliphakathi kweKhayelitsha Training Centre kunye nomzila kaloliwe kude kufuphi nomzi wabangcwabi.

Ingxelo zidiza ukuba umfana oneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala ebezama ukuphanga inkosikazi kula ngingqi nalapho aye waleqwa ngabahlali bambethela ibhokisi. Kwindawo ofunyenwe kuyo umzimba kufunyenwe umqheba wehamile nekurhaneleka ukuba isetyenzisiwe ukubetha lo mfana.

Umfana lo uchazwe njengowengingqi yaseKuphumleni kwaseKhayelitsha, kwaye kurhaneleka ukuba ebefunwa ngamapolisa ngokoyamene nesiganeko sokuphanga. Kwiveki ephelileyo amapolisa aseLingelethu West abamba abarhanelwa abathathu ababephanga abafana ababini nabathi bakubanjwa kwafunyanwa kubo ivesti yokukhusela imbumbulu yepolisa elisebenza kwesasikhululo neyayibiwe kwinyanga ezimbalwa ezidlulileyo.

Kwizinto ezafunyanwayo kuquka amakhadi ebhanki, izazisi namakhadi kaSASSA abantu abohlukeneyo. Igama lomfi laye labizwa ngabarhanelwa ababanjwayo besithi ayingabo abanini bezinto ezifunyenweyo.

Ingxelo yamapolisa idiza ukuba ngenene umfi ebefunwa ngamapolisa ngokoyamene nesisiganeko.