Ivaliwe iYunivesithi iWalter Sisulu eMthatha

Abafundi baseWSU namhlanje Umfanekiso: Mabini Mpuhlu

Emva kweentsuku ezintathu zoqhankqalazo lwabafundi, ingqonyela yeYunivesithi iWalter Sisulu enguRob Midgley igqibe kwelokuba mayivalwe okwethutyana ikhampasi yale yunivesithi eseMthatha.

“Ubundlobongela kule khampasi bonyuke kakhulu kangangokuba bubeke ubomi babantu ebungciphekweni. Singabaphathi bale yunivesithi sinekolo yokuba abafundi bale khampasi yaseMthatha abafuni siqhubeke nomsebenzi wethu wokufundisa abafundisa. Imeko ayikwazi ukuyekwa iqhubeke kunje,” oku kuthethwe ngoMidgley emva kokuba ethe amalungu eSRC ale kwaphela ukudibana nomphathi wale yunivesithi ukuxoxa le miba yabo.
Uqhube wathi, ngembalelwano ethunyelwe kubo bonke abafundi bapha: “Le khampasi yaseMthatha siyayivala ngokukhawuleza. Bonke abafundi bayacelwa ukuba baphume baphele kule khampasi ngokukhawuleza.”
Kuqhankqalazo lwanamhlanje konzakele ipolisa elinye elithe laleqiselwa esibhedlele.
Olu qhankqalazo luza emva kokuba abafundi bekhalela abafundi abathe bathathwa sisikolo kodwa xa kufika ixesha lokuba babhalise kwathiwa akukho ndawo. 
Abafundi bakwathi kukho nendawo yokuhlala entsha exabisa imali engaphezulu kunale ivunywa nguNSFAS ngonyaka kumfundi ngamnye. 
Bakwakhalela umba wokungafumani iiPIN zamakhadi abo kaNSFAS zokutya; bathi bayafa yindlala ebenza bangabinako nokufunda.