NguBilliat noZakri abonzakalise iPirates namhlanje

Khama Billiat of Mamelodi Sundowns celebrates goal with teammates during the Absa Premiership match between Orlando Pirates and Mamelodi Sundowns on 07 May 2017 at Orlando Stadium © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Ikhe phantsi isitya sigcwele kwakhona i-Orlando Pirates kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ebethwe kuwo yiMamelodi Sundowns ngo’2-0 ngale njikalanga e-Orlando Stadium. Abalandeli beBucs abaye ebaleni benethemba lokuba izakubuyisa izitya bagoduke bethunakele emva kokubethwa yiDowns elwelwa ukukhusela indebe yayo eyiphumelele kwisizini edlulileyo. Abadlali abakhathazayo uKhama Billiat noYannick Zakri ngabo abenze idemesha namhlanje kumdlalo obubukelwe liqela labalandeli bebhola ekhatywayo.

Igowuli elifakwe nguKhama Billiat kwisigaba sokuqala somdlalo lilo elenze umahluko phakathi kwala maqela phambi kokuyiwa kwixesha lokuphumla kulo mdlalo. Nangona iDowns ibidlalela kude nekhaya layo – kodwa izitshovutshovu zayo ezibini uBilliat noThemba Zwane ngabo ababephethe mantsantsa abadlali bePirates phaya emva. Ithuba lokuqala elicacileyo leBucs livele ngomzuzu weshumi elinesithathu emva kokuba uThamsanqa Gabuza enikelene kakuhle ngebhola no-Oupa Manyisa ozame ukukhaba ibhola nangona ebephantsi koxinizelelo. Ukubhutyuza kwabadlali bePirates emva kunike ithuba lokudlala uYannick Zakri onike uBilliat. Amatyeli amabini uDenis Onyango kuye kwanyanzeleka axakeke ngenxa yeebhola ezinzima ebezikhatywe nguThabo Matlaba no-Ayanda Gcaba.

Isigaba sesibini siqale ngesingqi esiphezulu, iDowns ihlasele ngamandla. UZakri, obefuthe kwigowuli lokuqala, ufake igowuli lesibini leDowns emva kokuba abadlali bayo begqagqanisele abadlali bePirates emva. UPercy Tau, uBilliat noZakri khange bayeke unkqonkqoza ezimpondweni zikaJackson Mabokgwane. Emva kokuhamba emva ngamagowuli amabini kuye kwabonakala ukuba iPirates iyatshutshiseka futhi kubonakala ukuba ifuna ukubhalisa ebhodini. UKjell Jonevret ufake uDove Wome noMpho Makola.

Zisuka nje uMakola ufumene ibhola ayitsalle ekude – kodwa khange imsokolise u-Onyango. Iinguqu ezenziwe ngumqeqeshi weBucs ziwutshintshile umdlalo nakubeni kube nzima ukufumana igowuli. Iinzame ze-Orlando Pirates zokungena kwiTop 8 ziphazamisekile ziziphumo zanamhlanje. Ngoku kunyanzelekile ukuba iphumelele phantse yonke le midlalo ishiyekileyo ukuze iqinisekise indawo yayo kwiTop 8 ekupheleni kwale isizini.