Urhulumente wangoku akafani nowakudala – Mtya

Loyiso Mtya

ULoyiso Mtya uthi urhulumente wesininzi othathe ulawulo ngo’1994 akenzi ngokwaneleyo kwicala lotyalo-mali emanqindini, kwaye uyogqithwa ngowobandlululo.

Oku ukuthethe ngethuba ewisa intetho yakhe emva kokugaleleka eMonti.

UMtya ngomnye wamakhangala aqinisekise ukuba uZolani Tete ubuya nentshinga kumlo omkhulu obuseLeicester Arena, eNgilane, kwiveki engaphaya kwephelileyo – apho (uTete) angqengqise * -Arthur Villenueva.

Eli gqala lamanqindi lixelele abantu abebezalise iholo eMonti ukuba ayikho imali emanqindini. Kangangokuba nabo ukuze uhambo lwabo lwaseNgilane luhambe kakuhle kuye kwanyanzeleka bancediswe ngurhulumente wephondo ngoba uBSA akanayo imali.

“Urhulumente wethu akayifaki njengorhulumente wangaphambili imali emanqindini,” utshilo uMtya.

Ngokuvakala kwakhe uMtya, ebengamgxeki urhulumente okhoyo – kodwa kwelinye icala ebezama ukubhentsisa ukusilela kwakhe nemiceli-mngeni abahlangabezana nayo emanqindini phantsi koMzantsi Afrika okhululekileyo.

Ukungaxhaswa ngokupheleleyo kwamanqindi ngurhulumente nangamaqumrhu azimeleyo kuneziphumo ezinganambithekiyo ncam emanqindini nakuninzi lwababandakanyeka emanqindini.

Akukabikho ndawo ezaneleyo zokulolonga iimbethi-manqindi apha eMpuma Koloni ngoku ivelisa iintshatsheli ezininzi.

Lo nto iyazinyanzela iimbethi manqindi ukuba zifudukele eGoli – apho zithi zifumane uqeqesho olukwizinga lehlabathi.

Nkqu noTete, kuye kwanyanzeleka ukuba ayokuzilungiselela eGoli phambi komlo wakhe obuseNgilane.

Kwamanye amacandelo apha kwezemidlalo kuye kunyanzeleke ukuba abantu baye kwamanye amaphondo ukuze bakwazi ukufezekisa iminqweno yabo.

Umzekelo ophilayo yimbaleki yaseNgcobo, uLungile Gongqa, ekunyanzeleke ayokuzinza eKapa ukuze iphupha lakhe lokuphumelelo iTwo Oceans Marathon libe yinyaniso. Ezo zizinto ezenzeka kweli phondo ngenxa yokunqongophala kwenkxaso emidlalweni.