Aphise ngomdlalo ekugqibeleni Amakhosi!

Joseph Molangoane of Kaizer Chiefsis challennged by Mandla Masango of Supersport United during the Absa Premiership match between Supersport United and Kaizer Chiefs on 29 April 2017 at Mbombela Stadium ©Sydney Mahlangu /BackpagePix

Ibhola efakwe nguTsepo Masilela ngempazamo ezipalini zakhe yohluthe intlaka emlonyeni weqela lakhe. umdlalo obutak’iintlantsi phakathi kweKaizer Chiefs neSuperSport United uphele ngo’2-2 eMbombela Stadium ngolu rhatya lwanamhlanje. Umdlalo ubeshushu ukusukela ekuqaleni kwade kwasekugqibeleni – kodwa iChiefs iphise ngawo ngomzuzu wokugqibela emva kokuyeka abadlali beSuperSport abanikelene ngebhola kumhlaba oyingozi.

Imvula ene ngamandla ibaphazamisile abadlali ngoba bebengakwazi ukuyilawula kakuhle – kodwa ayibatyhafisanga lo nto. Omnye wabadlali abathe bazibalula kulo mdlalo nguSiphiwe Tshabalala ofake amagowuli amabini kumdlalo wakhe wamakhulu amathathu engumdlali weChiefs. Amakhosi aye kwixesha lokuphumla ehamba phambili ngo’2-1. Umdlalo uqale ngezinga eliphezulu nanjengoko bekulindelekile. USiphiwe Tshabalala nguye ebengumtshutshisi ebaleni esekelwa nguJoseph Molangoane no-Edmore Chirambadare noBernard Parker.

Ngomzuzu weshumi elinesine uShabba ulibeke emnatheni igowuli lokuqala emva kokufumana ibhola kakuhle engaphaya komhlaba kanozinti. Emva kwemizuzu embalwa uMandla Masango ufake igowuli lokulinganisa emva kwebhola entle ayifumene kuReneilwe Letsholonyane. Amakhosi khange ayeke ukuhlasela ade avuzwa kwakhona ngebhola efakwe nguTshabalala. Ngaphandle kwamathandabuzo isigaba sokuqala besisihle kakhulu – kodwa silawulwe yiChiefs. Yiyo ehlasele kakhulu futhi ekwafumene amathuba acacileyo kulo mdlalo.

Abuye la maqela omabini esenawo umdlalo wokuphumelela umdlalo. Akacithanga xesha uSteve Komphela, ukhuphe uShabba obekubanakala ukuba unengxaki emlenzeni wafaka uGustavo Paez. Indawo kaChiramandare yathathwa nguWilliam Twala. Injongo ibinye: ibikukucinezela iSuperSport United ukuze iChiefs ifumane elinye igowuli. Nawo Amatsatsantsa a Pitori afake uThabo Mnyamane endaweni kaMasango.

Okwesibini kulo mdlalo, uMolangoane uphose elinye ithuba ephambi kukanozinti emva kokufumane ibhola elungisiweyo kuPaez. ULetsholonyane ukhitshiwe emva kokonzakala ebaleni, indawo yakhe ithathwe nguModiba. Nangona ibicishilelwe yiChiefs nakwesi isiqingatha – kodwa umdlalo wayo ubuzinzile. Unozinti weChiefs ucike ibhola kaThuso Phala bejongene kwimizuzu yokugqibela yomdlalo. Ifumene igowuli lokulinganisa iSuperSport ngebhola efakwe nguTsepo Masilela ezipalini zakhe.

SuperSport United: Pieterse, Boxall, Kekana, Daniels, Bhasera, Masango ( Mnyamane), Furman, Brockie, Letsholonyane (Aubrey Modiba), Morton, Phala.

Kaizer Chiefs: Bvuma, Mphahlele, Cardoso, Mathoho, Masilela, Baloyi, Katsande, Molangoane (Esktein), Chirambadare, Tshabalala (Gustavo), Parker.