Inyukele phezulu iBucs, ihleli ndawonye iChippa United

Thamsanqa Gabuza of Orlando Pirates celebrates goal during the 2016/17 Absa Premiership football match between Orlando Pirates and Chippa United at Orlando Stadium, Johannesburg on 29 April 2017 ©Gavin Barker/BackpagePix

Iingxaki zeChippa United zithe xaxe emva kokubethwa kwayo yi-Orlando Pirates ngo’2-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League kobu busuku e-Orlando Stadium. Ngokufumana kwayo amanqaku amathathu, iPirates ingene kwiTop 8 logama iChippa United isendaweni embi kakhulu kwiPSL. Umqeqeshi obambeleyo uMbuyiselo Sambu ukhethe uqala ngoZama Dlamini ezipalini endaweni kaDaniel Akpeyi. Nangona ezamile lo nozinti – kodwa kubonakele phaya naphaya ukuba akanawo kakuhle amava okanye ukujongana nePirates ibingumsebenzi onzima.

Siphele isigaba sokuqala somdlalo iChippa United ibambelele noko emva kokuba uPaseka Maku efake igowuli lokulinganisa. Noxa bekungekho kungxama kungako – kodwa yiBucs ebonakalise ukuwunxanelwa lo mdlalo. IChippa idlale umdlalo wayo wesiqhelo kodwa bekubonakala ukuba izibambile ngoba ibingafuni ukulahlekelwa kwangoko emdlalweni. Umdlalo utshintshwe ligowuli elifakwe nguThamsanqa Gabuza emva kokuba efumene ibhola egotywe nguThabo Matlaba kwicala lasekunene.

Ayilibazisanga iPirates kwisigaba sesibini, uMatlaba wenze adume ngazo ngokuthi atsale ibhola ekude ehleli emnatheni emva kokubhida unozinti weChippa United. UMakola noThabo Rakhale baqhubekile nokufaka uxinizelelo kubadlali beChippa emva. Zonke iChilli Boys zizamile ukuya kwiPirates – kodwa eyona nto ebezinzimela kukugqobhoza, lo nto ziyizame amatyeli aliqela ngaphandle kwempumelelo. Ibhola kaTendai Ndoro iphume ecaleni kwepali kancinci. USangweni inikwe uphuma-phele kanye xa kusondle ixesha lokuphela komdlalo.

Orlando Pirates: Siyabonga Mpontshane, Ayanda Gcaba, Happy Jele, Thabo Matlaba, Patrick Phungwayo, Issa Sarr, Abbubaker Mobara, Oupa Manyisa, Thembinkosi Lorch, Mpho Makola, Thamsanqa Gabuza.

Chippa United: Zama Dlamini, Paseka Mako, Chabalala, Mvelase, Kristopher Bergman, Sandile Zuke, Thamsanqa Sangweni, Andile Mbenyane, Lerato Manzini, David Zulu (Mbokoma 7′), Diomond Thopola.