Aphelile amathemba kuSteve Komphela

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, uxelele amajelo endaba ukuba amathuba okuphumelela indebe ye-Absa Premier Soccer League athande ukuba mfiliba ngoba baxhomekeke kwamanye amaqela.

UKomphela ukuthethe oku emva kokuphulukana nethuba elicacileyo lokugqibela kwiveki ephelileyo emva kokubethwa yiSuperSport United ngo’5-3 kumapenela kumdlalo weNedbank Cup obuseFNB Stadium.

Ukubethwa kwayo iChiefs kubanxunguphalisile kakhulu abalandeli abanxanelwe iindebe. Ukusukela ngoko uKomphela usazingela indebe yakhe yokuqala njengomqeqeshi weChiefs kwaye lo nto ibeka uxinizelelo kuye.

“Eyona nto embi kufuneka amanye amaqela aphulukane nemidlalo ukuze sibenethuba kwiPSL. Into engcono ngayo iNedbank Cup kukuba xa uphumelele awuxhomekeki kwamanye amaqela – uya phambili qha. Kuyanyanzeleka sifake amandla wethu kwimidlalo yethu eshiyekileyo – kodwa sixhomekeke kwamanye amaqela. Asisenalo ithuba lokwenza iimpazamo ngoku; kunyanzelekile siyiphumelele,” utshilo uKomphela.

Amakhosi ajongana neSuperSport United kumdlalo wePSL ngo’18:00 eMbombela Stadium ngoMgqibelo.

Lo mdlalo ufana nempinda yomdlalo weveki ephelileyo obuseFNB Stadium – apho iChiefs iyeke amathuba. Ukuba ayikwazi ukuphumelela kule midlalo mihlanu ukuyiphumelela kunokwenzeka ivale nale isizini ingenanto esandleni.

Ngaphandle kwabadlali abanamakhadi, iChiefs isengxakini yoonozinti emva kokonzakala kuka-Itumeleng Khune – oye wankaleka phantsi kabuhlungu kumdlalo odlulileyo wala maqela.

pedrop.mapelo@inl.co.za