IChiefs ikhutshwe yiSuperSport United kwiNedbank Cup

Jeremy Brockie of Supersport United challenged by Willard Katsande of Kaizer Chiefs during the 2017 Nedbank Cup match between Kaizer Chiefs and Supersport United at the FNB Stadium, South Africa on 22 April 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Amatsatsantsa a Pitori adlulele kumjikelo olandelayo emva kokubetha iKaizer Chiefs ngo’5-3 kumdlalo weNedbank Cup otsale ixesha elide eFNB Stadium. Umdlalo uphele ebambene ngo’1-1 emva kwamashumi alithoba emizuzu. Amakhosi ebenalo ithuba lokuwusonga umdlalo ngethuba efumana ipenela ephoswe nguBernard Parker kwixesha elongezelelweyo kulo mdlalo.

IKaizer Chiefs neSuperSport United ziye kwixesha lokuphumla kungekho cala lifaka igowuli. Lo nto ibangelwe kukuba bekungekho qela lifuna ukuwuvula umdlalo kuba kukho uloyiko lokubethwa. Wona umdlalo uqale ngesantya esihle kakhulu. UReneilwe Letsholonyane nguye obeyinjineli kwicala laMatsatsantsa, ebane ukutyala iibhola kuThuso Phala, uTeboho Mokoena nakuThabo Mnyamane. Iinzame zeChiefs beziphelela esithubeni ngoba iSuperSport United ibinabadlali abane abahleli emva. Kanti iChiefs iphantse yasengxakini ngethuba uThuso Phala egoba ibhola entle ayifumene kuLetsholonyane ekuzeni kuphela kwesiqingatha sokuqala. Akukho nto ingako ayenzileyo la maqela kwesokuqala isiqingatha.

UJeremy Brockie uvalele emnatheni igowuli ngozuzu wamashumi asixhenxe ananye. Ifike ibhola eyedwa, ebukelwe ngabadlali beChiefs. Phambi koku iSuperSport United ibifumene amathuba amabini. Elokuqala liyekwe nguMnyamane kwalandela uBrockie. Umdlalo waMakhosi uye wehla kwisigaba sesibini kwaye ibingakwazi ukugqoboza kubadlali basemva beSuperSport United. USteve Komphela wenze utshintsho, ukhuphe uSibusiso Khumalo waze endaweni yakhe wafaka uGustavo Paez – injongo ibikukufumana igowuli lokulinganisa. Ulibeke emnatheni uRamahlwe Mphahlele ngomzuzu wamashumi asibhozo ananye igowuli lokulinganisa.

Emva koko iChiefs khange iyeke ukuhlasela. Unozinti weChiefs, u-Itumeleng Khune, uphinde wasebenza ngethuba evala ngonyawo ibhola ebikhatywe nguBrockie. Isigaba sesibini siye sashushu kuba kuye kwakho amagowuli emdlalweni. Ukuba iSuperSport United ibiwasebenzisile amathuba, ngeyiwusonge kwangoko umdlalo ngoba ibiyiyo enamandla kakhulu kwisiqingatha sesibini. UReyaa Pieterse ucike ipenela ebikhatywe nguBernard Parker kwixesha elongezelelweyo emdlalweni. Liphelile ixesha elongezelelweyo kungo eliphumeleleyo emva kokudlala imizuzu engamashumi amathathu onke.

Chiefs: Khune, Mphahlele, Gordinho, Mathoho, Khumalo, Maluleka, Katsande, Molangoane, Lebese, Tshabalala, Parker.

SuperSport: Pieterse, Boxall, Daniels, Gould, Bhasera, Furman, Letsholonyane, Mokoena, Phala, Mnyamane, Brockie.