Amajita aqala amalungiselelo weFifa World Cup!

Thabo Senong, coach of South Africa talking to players during the 2017 Total Zambia U-20 African Cup of Nations 3rd and 4th Place match between South Africa and Guinea at Heroes National Stadium, Lusaka Zambia on 12 March 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Iqela lesizwe labadlali abangaphantsi kwamashumi amabini, Amajita, liqala amalungiselelo wokuya kwindebe yehlaba ezakuqala kwinyanga ezayo. Amajita kulindeleke aqubisane nabazwe athande uqina ebholeni afana neJapan, i-Italy ne-Uruguay kuGroup D.

Umqeqeshi waMajita, uThabo Senong, efemene iingxelo ezithi abadlali abathile abazukufumaneka kula malungiselelo – kodwa angabafumana kwenye ezakube isekuqaleni kwenyanga ezayo. Kwangoko, uSenong ubize uGrant Margaerman, uTeboho Mokoena, uFabrice Lakay, uPhakamani Mahlambi noReeve Frosler. kuba bengakhululwanga ngamaqela wabo kwinkampu ekulindeleke ukuba iqale kusasa.

Indawo kaMergaman ithathwe nguZama Rambuwane weHapeli Ra’anana A.F.C yase-Israel. USydney Motshweni ungena endaweni kaMokoena, indawo kaLakay ithathwe nguKeletso Makgalwa weMamelodi Sundowns, iindawo zikaMahlambi noFrosler zithathwe nguKatlego Ntshabeleng we-University of Johannesburg kwakunye noSirgio Kammies we-Ajax Cape Town.

Umbutho olawula ibhola kweli lizwe, iSouth African Football Association, iqinisekise ukuba Amajita azakuzilolonga kusukela ngoLwesithathu kule nyanga kaTshazimpuzi ukuya ngomhlaka wesithathu kwinyanga ezayo kwaye azakutyelela naseNetherlands . Umqeqeshi uzakufuthelana nabadlali abangamashumi amabini anesibhozo kwinkampu ukuqala ngalo lwesithathu ngoLwesithathu.

“La ngamalungiselelo okuqala; sijonge abadlali abazakumela Amajita. Sijonge nabadlali abathatha inxaxheba kwimidlalo ye-2017 Afcon kodwa abnye babo abakhululwanga ngamaqela wabo,” utshilo uSenong.