Uyangenelela urhulumente wephondo kwingxaki yaseGreat Kei

Isebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli eMpuma Koloni lizakuthumela igqiza lamagosa ayakuqhuba uphando kumasipala waseGreat Kei.

Oku kusemva kokuba abahlali bedolophu yaseQumrha beqhube uqhankqalazo kula dolophu naselokishini bebonisa ukungoneliseki kwabo yindlela osebenza ngayo la masipala.

Aba bahlali bavale indlela * -R63 isithuba seentsuku ezimbini kwiveki ephelileyo bephazamisa amashishini, izikolo neenkonzo zoluntu ngokubanzi.

Othethe egameni lela sebe uMamkeli Ngam, ucacisa izizathu zolu ngenelelo lukarhulumente. “Yinto eyenzeka naphi nanini xa kukho ingxaki enje, sizakuthumela igqiza elizakwenza uphando malunga nengxaki ekhoyo kuye wonke la masipala, ukuze kamva kwenziwe ingxelo ezakuza kumphathiswa,” ucacise watsho uNgam.

Inkokheli yombutho wabahlali iGreat Kei United Forum uWeaver Sinqana, uthi baqhube uqhankqalazo ngenxa yokukruquka bubuqhophololo kula masipala.

“Ukudyiwazwa kwemali ngusodolophu yenye yeengxaki esinazo, ngeyoMnga utshayise imoto kamasipala, waza umasipala wanyanzeleka ukuba akhuphe imali ekwisiqingatha sesidigi seerandi,” uthethe oko uSinqana. Ingxelo yesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimci yemveli, ithi umphathiswa wela sebe uFikile Xasa uzakuthatha amanyathelo.

“Le ngxelo izakuba inika ingcebiso ezithile kumphathiswa ukuze athathe amanyathelo asekelezelwe kwingxelo leyo, amaxesha amaninzi kukuxhasa umasipala lowo usengxakini ukuba aphinde aqhube kakuhle ngenzolo,” uthethe watsho uNgam.

Uhola wendlela uR63 ebengahambeki kwiveki ephelileyo, izikolo ezine zelokishi yaseQumrha zivaliwe, iivenkile zivaliwe namasebe karhulumente ngenxa yolu qhankqalazo. Umasipala waseQumrha ngomnye wabo banengxaki yentswela ngqesho, ulwaphulo mthetho kunye nendlala ephezulu.

ULoyiso Tshetsha ongusodolophu walo masipala uthi uyakuvuyela ukungenelela kwe ofisi yomphathiswa.

“Siyakuhlonipha ukungenelela kwesebe kuba lowo ibingumnqweno wabahlali esisebenza ngabo, sithemba ukuba oku kuzakuza nezisombululo kwingxaki nenkxalabo ezikhoyo eluntwini lalo masipala,” uthethe watsho uTshetsha.

Uthi unethemba lokuba oku kuza kubuyisa uxolo nozinzo kula masipala ukuze baqhubeke ukugqithisa iinkonzo eluntwini.

Ukuqeshwa ngondlela mnyama kwabasebenzi nokungagqitywa kwemisebenzi kamasipala efana nokulungiswa kweendlela – zezona ngxaki zibangela umlo phakathi komasipala nabahlali.