Vela Bahleke

Siyazi ukuba kusondela elo xesha lesikhumbuzo sokubethelelwa kweNkosi yethu uYesu uKrestu emnqamlezweni, nalapho izikolo nootitshala bazakukhe bafumane ikhefu bona.

Ndithe masikhe sikhumbuzane ukuba le yiholide ehloniphekileyo nengadingi kunxilelwa ingakumbi ngabantu abadala, iba ziintloni ukubona utata okanye utatomkhulu womntu enxile engazazi nokuba ungubani abe phofu esemva kwevili lemoto.

Ndisuka eGoli apha kulo nyaka uphelileyo, sihamba emva kwale moto iqhutywa kakubi de safika emagoseni endlela evalile wamiswa wehliswa, ebuzwa ukuba kutheni eqhuba ngesantya esiphezulu abe enxile nokunxila.

Ithi impendulo “UYAYIBONA LE MOTO MFO WAM, ISANTYA SAYO SITHI NDINGAHAMBA NGALAMAKHULU MATHATHU ANAMASHUMI AMABINI AKUSO” – igosa lendlela lithi kodwa umthetho wendlela wona uthi kuhanjwa ngekhulu mashumi mabini kuphela.

Omnye uthi “KALOKU BEKUFANELE UKUBA KWENZIWA IIMOTO EZINESO SANTYA HAYI ESI SIKULE YAM IMOTO” – uthi lo mfo uligosa njengokuba umdala kangaka nje baza kuthini abantwana bakho kuba thina siyakubamba nokukucikoza kwakho?

Naanko unkabi eman’ukucholachola umhlaba apho kunyathele khona eli gosa lendlela, lona lixakiwe ukuba uyenzelani le nto.

Lo mhlaba umana ewufaka eplastikini, suka wabuyela emotweni yakhe wafaka ipetrol wabuya wathi, ukuba akamxoleli naye soze akwazi ukuhamba uza kudumba iinyawo ezo zakhe.

Siyihleke sonke le nto kuba simbonile egalela le petrol kuloo plastikana yakhe, nkqu negosa elo limbonile kuba siye sacinga ukuba uyabaleka kanti uyokwenza okuya kumatha acinga ukuba akabonwa.