Iyabuya kwakhona iMcDonald School League

Kusungulwe ngokusesikweni iMcDonald’s U/14 School League 2017 eGauteng kutshanje. Le tumente ibhiyozela iminyaka esibhozo yasekwayo. Ibambisene nombutho wezikolo webhola kweli iSouth African Schools Football Association neMcDonald’s U/14 School League 2017 iyaqhubeka neminyhadala yebhola apho amaqela amaphondo azakundwendwela amaphondo atyunjiweyo kwimidlalo yamagqibela kangqoyi.

UMongameli weSASFA, uMandla ‘Shoes’ Mazibuko, uthe: “Siyazingca ngobudlelwane obuqhubekayo neMcDonald kwakunye nokuzinikezele ekuphuhliseni ibhola kumamabakala aphantsi. Kulo nyaka umahluko awukho njengokuba siqhubeka nokuphuhlisa iintshatsheli zangomso, ezizawukwazi ukumela isizwe.

Isithethi seMcDonals SA, uDaniel Padaiachy, uthe: “Sichulumancile kakhulu ngokuchonga abaqeqeshi ngaphansi komxholo iThe Small teams, Big Dreams ethetha ukuba ‘Amaqela amancinci, Amaphupha amakhulu’ – kwakunye nokuveza izakhono zabantwana abaselula kwiSchool League. IMcDonald ithe gqolo ukuxhasa izakhono kumabakala aphansi kwakunye nendlela abantu bamaziphathe ngayo ngokwempilo.”

Abaqeqeshi baza kukhokhelwa nguKhabo Zonda kwaye umqeqeshi ngamnye uzakuba nephondo lakhe apho kuzakukube kujongwe uqeqesho lwabantwana abaselula nabaqeqeshi bamaqela. Abaqeqeshi beSmall Teams, Big Dreams nguDoctor Khumalo uzakujongana neGauteng neNoth West; uMark Williams unikwe iWestern Cape neNorthen Cape; uPhil Masinga ajongene neFree State neKZN; uSiphiwe Mkhonza ajongane neLimpopo neMpumalanga; uTebogo Mokoena ujongana namagqibela-kangqoyi kazwelonke.