Imbaleki yaseMnquma ibaleka eGermany ngeCawe kusasa

UXoliswa Bici oyimbaleki.

Inzalelwane
yaseNgqamakhwe uXoliswa Bici (38) oyimbaleki, untingela kwilizwe laseJamani (Germany) eyokuthatha inxaxheba kumdyarho omkhulu
obizwa ngokuba yiHannovar Marathon 42 KM, ngeCawe
kusasa.

UBici,
waphuma kwindawo yesine ngonyaka ka2016 kumdyarho omkhulu owaziwa njengeHeroes Marathon 42KM eMthatha, nto leyo embeke kweli thuba
loyokubaleka eJamani okokuqala ezimbalini.

Umasipala
waseMnquma eGcuwa, ukhuthaze eli nenekazi kumsitho ububanjelwe eCouncil Chamber
ngaphambi kokuba lintingele kwilizwe laseJamani namhlanje.

Kulo
msitho bekukho izithethi ezahlukeneyo ebeziphuma kwimibutho yezemidlalo
eyahlukeneyo kwakunye namagosa wakwaMasipala ezokukhuthaza uBici.

UThobokazi
Ntanga obethetha egameni likaMasipala uthe “Yimbali lena yenziwa nguBici,
eyokuba abeyimbaleki yokuqala uyokumela uMnquma kulo mdyarho”

UNtanga
ebethetha echulumancile kwaye eqhayisa ngokuba, uBici akamelanga uMnquma wodwa,
umele kunye namanina elizwe kulo mdyarho.

“Iyabhalwa
imbali eludongeni namhlanje, kuba ulinenekazi, yimbaleki yokuqala uyokhuphisana
eJamani,kwaye sinethemba lokuba uzakubuya nodumo,” uqhube watsho.

Imisebenzi
kaBici uyichaze njengecacisa mhlophe ukuba liyakhula icandelo lezemidlalo
eMnquma.

Ukwathathe
nethuba lokuba ancome umsebenzi omhle womqeqeshi kaBici, uMthetheleli Hlazo.

Le
ntokazi yakwaBici nangona izakube iqala ukubaleka kwiHannovar Marathon,kodwa
ithi izimisele ukungadanisi uluntu lwaseMnquma.

“Ndiya
kule Hannovar Marathon ndijonge impumelelo kuphela
njengoko ndizilungiselele ngokwaneleyo,” itshilo le nzalelwane yaseNgqamakhwe.

Eli
nenekazi ngo2009, laphuma kwindawo yokuqala kwiHeroes Marathon 42KM, laphinda
laphumelela amatyeli alithoba kumdyarho waseKomani owaziwa njengeBonkolo Marathon 42KM.

“Ndisoloko
ndiqhuba kakuhle kwezi42KM, kuba ndibaleke iminyaka elithoba kwiHeroes Marathon, zange ndangaphandle kwimbaleki ezilishumi
eziphume phambi,” uqhube watsho uBici.

Uthi
kwiminyaka elithoba ethatha inxaxheba kwiBonkolo Marathon
42KM, uyiphumelele kuyo yonke.

Ukhe
wathatha inxaxheba nakwiComrades Marathon
amatyeli aliqela ,kodwa usoloko ephuma phakathi kweembaleki ezingamashumi
amabini eziphambili.

Usihlalo
webhunga lezemidlalo eMnquma, uSimphiwe Tsipa, uthi sisiqalo esihle esi sikaBici
kwicandelo lezemidlalo, kwaye unethemba lokuba uMasipala uzakuhlala ebanika
inkxaso.

UBici
uphiwe nempahla yokubaleka nokunxiba ebhalwe igama loMasipala.

UBafundi
Makhubalo obemele isebe lezemidlalo ephondweni, uthi intsebenziswano
eyatyikitywa phakathi kukarhulumente weli phondo kunye nowaseJamani, inika
ithuba neembaleki zeli ukuba ziyokubaleka kwela lizwe.