Baphume imvula isitsho, besithi makahambe uZuma

Abantu abathathe inxaxheba kumngcelele ofuna uZuma ehle, eMonti Umfanekiso: Siyanda Jantjies

Abachasi bakaZuma, abangaphaya kwamawaka amabini, bathabath’ inxaxheba kumngcelele obuququzelelwe eMonti. Lo mngcelele uqale kwibala lezemidlalo iBuffalo City ze wenjenjeya ukusingisa kwiholo yesixeko.


Abo bebeyinxalenye bebevuma amagwijo aquka elithi: “Siphum’ imvula sitsho, phuma Zuma.”


Umyalezo nengqumbo yabo inye: “Sokuze lukhule uqoqosho loMzantsi Afrika xa eselulawulweni uMongameli Jacob Zuma”.


Bakwathi ukuba iANC ayimsusi njengoMongameli uJacob Zuma, lizakufika ithuba lolonyulo ngonyaka ka-2019. “Ukuba urhulumente okhokelwa yiANC uyakhathala, makasuse esihlalweni uZuma. Ukuba akayenzi lo nto, iANC isengxakini ngo-2019,” kulumkisa uVeliswa Mvenya, ongusihlalo weDA eMpuma Koloni.


Ilungu lePalamente yaseKapa phantsi kombutho iUDM uMncedisi Filtane uthi uZuma uwophule umgaqo-siseko woMzantsi Afrika. “Umnqa kukuba ayikho into eyenzileyo iANC malunga noku. Sithi ke ukuze lukhule uqoqosho loMzantsi Afrika, makahambe uZuma.”


Usomashishini waseMonti uAnne Meyer uthi xa eqhuba nokukhokela ilizwe uZuma imisebenzi emininzi izakulahleka. “Siphantsi kwemeko yoqoqosho olungadali misebenzi, into embi kukuba uMongameli wethu akazimiselanga kuncedisana neenzame zokukhulisa uqoqosho. Yiyo le nto ndithi makahambe uZuma,” kutsho uMeyer.


Umfundi owenza unyaka wesibini kwiYunivesithi iFort Hare uthi uxhalabile ngeqondo lentswelo-ngqesho elizakuqhubeka libhuqa abantu baseMzantsi Afrika, “ukuba uZuma usaxhuzula iintambo zolawulo”.


“Imisebenzi inqabile ngoku sithethayo. Ngokokubona kwam imisebenzi iyakudaleka xa uZuma ephumile elulawulweni,” kutsho lo mfundi.


Eminye imingcelele efana nale ibiququzelelwe eRhini, eQonce nakuKomani. Ukanti bekukwanjalo nakwilizwe liphela, kwizixeko ezifana neGoli, Pitoli, Kapa neThekwini, kubanjwe imingcelele echasene noZuma.