Baphefumla ilindle eLower Crossroad eKapa

Imifanekiso kaNomasotsha Jubejube kunye noSandla Mashiya bemi ecaleni kwamanzi agcwele ilindle.
Ingaphezulu kweminyaka elishumi elinesihlanu iminyaka abahlali baseLower Crossroad kwindawo yaseNewrest ePhiliphi East bephefumla ilindle, oku kungenxa yomthombo walo osemva kwendawo abahlali bakuyo, kwaye abayazi eyona ndawo lisuka kuyo.
UNomasotsha Jubejube noneminyaka engamashumi amahlanu anesine (54) ubudala, nongumhlali waseNewrest, uthe kudala becela ukulungiselelwa le ngxaki kodwa abade balufumane uncedo. 
“Kungokunje ndikhathazwa sisifuba nendiqondayo ukuba sidalwa lilindle eli siliphefumla umhla nezolo,” utshilo.
Lo kaJubejube ukwavakalise ukuba kubanzima nokuba bavule iminyango kuba kuyanuka kwaye umoya onuka ilindle ungena ngaphakathi ezindlini, kangangokuba abaziva izinto abaziphekayo kuba ivumba lelindle lingamandla.
“Inzima impilo esiyiphilayo apha, qha ke asinandawo yimbi esinokuya kuyo, kunyanzelekile sihlale kule ndawo ngoku inje”,utsho uJubejube.
Ukwaveze ukuba uhlala namalungu osapho amane kuquka nomntwana oneminyaka emibini ubudala, nathi  ugubhuke umzimba wonke ngenxa yeli lindle baliphefumlayo.
Abahlali bale ndawo bathi abahoywanga sisixeko saseKapa kuba akekho umntu ekufanele aphile phantsi kwale meko baphila phantsi kwayo.
“Ilindle alinuki nje kuphela kodwa siyalibona,  kwaye asilo lelabantu balapha eLower  kuphela,  kodwa nakwezinye iindawo kwaye abantu bezondawo bapholile logama thina sixakwe lilindle labo,” batsho abahlali.
Bavakalise ukuba babemazisile uceba weSub Councillor 13 nongazange athembise ukuba bazakufumana uncedo.
“Inye into esiyicelayo kukuba silungiselelwe le ngxaki,” batshilo. Bathi kugcwala iingcongconi neempukane ngaphakathi ezindlini ngenxa yeli lindle.
UMboniswa Nelson Chitha nonguceba wakwaWard 35,  uthe naye kudala ecela uncedo kwisixeko saseKapa ukuba bazame ukulungisa le ngxaki kuba ngenene akekho umntu ekufanele ahlale olu hlobo abahleli kulo abantu baseNewrest.
“Ndiyayizama le ngxaki ukuba ilungiswe kuba kulilindle nje yonke indawo apha,” utsho uChitha.
Watsho esithi inye into ekufuneka yenziwe ukusombulula le ngxaki – kukuba isixeko saseKapa sifake imibhobho emikhulu apho ilindle lizakuthi lihambe khona de liyokufikelela apho kufanele liye khona.
“Asilolindle lalapha kuphela eli kodwa nakwezinye iindawo kuquka iKhayelitsha,” utsho uChitha, nalapho athe basesemlindweni abangawaziyo ukuba uzakuthatha ixesha elingakanani ukuba bazokulungiselwa le ngxaki, watsho esithi kodwa bazakuyilwa de ibe iyalungiswa.