UZuma ukhuthaza umonde ebantwini kwezomhlaba

Umongameli Jacob Zuma. Umfanekiso: Independent Media

UMongameli welizwe loMzantsi Afrika, uJacob Zuma, uthi kumele uluntu lubenomonde kwinkqubo yokubuyiselwa komhlaba kubantu abantsundu. Ukutsho oku ngexesha ephehlelela iphulo lolimo elixabisa izigidi ezingamashumi amahlanu anesithathu (R53 million) kwindawo yaseMbizana namhlanje. 

Umongameli uZuma, obephahlwe ngusekela Mphathiswa wezolimo uBheki Cele, usekela Mphathiswa wezonxibelelwano, inkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle kunye noMphathiswa uMlibo Qoboshiyane, uqale intetho yakhe ngokhuthi urhulumente umaxhaphetshu ukhangela iindlela zokubuyisela ubutyebi ebantwini abamnyama. 

Uthi kodwa yonke lo nto sokuze yenzeke enye. Ukwathi basebenza nzima bengurhulumente uqinisekisa ukuba abami beli baphila impilo engcono kumacandelo afana nezolimo kunye namanye. UZuma uthe kumnandi kakhulu kuye ukubona abahlali baseMbizana abangaphezulu ku700 bexhamla kweliphulo lokuphucula ezolimo emaphandleni.

Ukanti kusenjalo umphathiswa wophuhliso lwamaphandle kunye nohlengahlengiso lwemihlaba ephondweni, uMlibo Qoboshiyane, ubonakale eliqhwabela izandla inyathelo likaMongameli uZuma lokugxotha abanye abaphathiswa kwikhabhinethi yakhe. Mphathiswa uQoboshiya uthe emva kokuba kungene uMongameli uZuma kwintente ibigcwele ime ngembambo, wathi urhulumente weli uyamkhulula umntu ongabonakali esebenza kangakuba uMongameli uZuma ukwenzile oko izolo wakhulula abaphathiswa kunye noosekela kwakunye namasekela wabo.

UZuma khange athethe cacileyo ngomba who kutshintsha ikhabhinethi kodwa ebemane esithi “kuyasetyenzwa ngoku kwaye wonke funeka asebenze ngokuzimisela.”