Ucela uncedo umfana wasePort Alfred

Vusumzi nkence

Usozoso wasePort Alfred ucela uncedo kuye nabanina onokuthi akwazi njengokuba kufuneka entingele eYurophu.

UVusumzi Mangaliso Nkence, 24, ulungiselela ukuthatha inxaxheba kwi-European Championship yezigantsontso ezidlala ngezihlunu zomzimba kwilizwe laseSpain ngomhla wesixhenxe kwinyanga yeSilimela kulo nyaka.

Le ndodana yaqala lo mdlalo (Bodybuilding) ngo’2012 nangona ibiyi nto angayifakanga engqondweni kakhulu.

“Ndiqale ukusebenza ngamandla kunyaka ophelileyo kuba kwiminyaka engaphambili bendimane ndiyeka. Ngethuba ndiqala ukuzilolonga zange ndizixelele ukuba ndingusozoso, ndandilungisa umzimba wam ukuze ulungele ibhola yombhoxo.

Kwatshintsha mhla ndadibana nomnye umntu owandixelela ukuba umzimba wam ungalunga kweli candelo, ndangena ngolo hlobo ke,” utsho uNkence.

Ingxaki anayo uVusumzi kukuba akanayo imali eyiR21 000 ekufuneka abe nayo ukuze aqinisekise ukuya kwakhe eSpain. “Xa ndinokufumana uncedo kuye nabani na onokufaka isandla, ndingavuya kakhulu,” utshilo uNkence.

UNkence akaqali ukuya kwamanye amazwe, ngo’2016 ebeye eBelgium – apho waqubisana nezinye izigantsontso eziphuma kumazwe aseYurophu.

“Ndiyakuthanda ukuba sisigantsontso (bodybuilder) yilo nto ndabona kulungile ukuba ndohlukane nebhola yombhoxo kuba ndandingafuni indiphazamise, kwaye ndandingafuni ukonzakala kuba ndandingekhe ndikwazi ukuba yi-bodybuilder, ” utsho uNkence.

UGeorgina Nkombisa, umama kaVusumzi, uthe uyayivuyela indima ehanjwe ngunyana wakhe kwaye zange kube nzima ukumxhasa ngethuba efuna ukungena kweli candelo lomdlalo kuba utata wakhe waye yiyo nangona wayesenza njee, futhi engakhuphisani nabanye abantu.

“Utata wakhe waye yiyo ngako oko khange kube nzima kum kuba ndandisele ndisazi ukuba yintoni ibodybuilder,” utsho uNkombisa.