Ithe chu kakuhle iWalter Sisulu University

Isicwagciso seWalter Sisulu Univesithi sokuphetha isizini kwi-ABC

Motsepe League iphakathi kwamaqela amane aphala phambili kubonakala sisahamba kakuhle uzokuthi ga ngoku.

IWalter Sisulu izandisele amathuba wokuvala isizini iphakathi kwamaqela amane aphala phambili emva kokubetha iMorning Stars ngo’4-1 eGcuwa, ngoMgqibelo.

Umdlalo uqale ngezinga eliphantsi ngenxa yeentshizane zemvula eziphazamisileyo,kodwa impazamo eyenziwe ngunozinti weMorning Stars yeyona eyenze iWSU inkqenkqeze phambili ngo’1-0 kwisithuba semizuzu emithathu kwisiqingatha sokuqala.

Ngelakhe lo nozinti ebesithi unikela umdlali wakhe wangasemva ibhola kanti uphise ngayo kwifolosi yeWSU ethe yabamba ngaza zozibini, yayivalela emnatheni loo bhola.

Emveni koko abafundi bahlasele ngamandla bekhangela igowuli lesibini,kodwa iStars yavala amanzi engena endlini.

Iqela laseBhayi khange liwuyekelele umnxakatho, kuba lizamile ukuhlasela kodwa abadlali bakaMoses “Skhephe” Khenyeza babuya sekunjalo bafaka igowuli lesibini ngomzumzu wamashumi amabini.

IStars, ezama ukubaleka izembe emsileni kwiMotsepe League, ivelise amathuba amabini akhawuleziyo emva kwala magowuli nethe ayakwazi ukuwasebenzisa.

Kuthe xa kushiyeke imizuzu esithoba phambi kokuba kuhlatywe ikhefu intwana zikaKhenyeza zifake igowuli lesithathu..

Abatyeleli babuye ekhefini benetyala lamagowuli amathathu.

Bahlasele zisuka bafumana iphenathi abathe bayivalela phakathi emnatheni, emva koko baqhubele phambili nokuhlasela kodwa iWSU yavala.

Sele kushiyeke umzuzu omnye ukuba umdlalo uphele,iStars kudala ihlasela ngandlela zonke abafundi bafake igowuli lesine yabakanti baqinisekisa impumelelo yabo.

Esona sicwagciso somqeqeshi weWSU, uMoses Khenyeza, njengokuba wafika phakathi kule sizini, uthi ufuna ukuvala isizini ephakathi kwamaqela amane aphambile.

Iziphumo ze-ABC Motsepe League


Swartkops Valley United Brothers 1-1 Young Ideas

Mdantsane Mighty Bucks 0-1 EC Bees

Walter Sisulu University 4-1 Morning Stars

Matatiele Professionals 4-3 Highbury

Callies FC 4-1 FC Buffalo

Tornado 2-2 Matta Milan

Lion City 1-0 Future Tigers

City Lads 2-2 Mthatha City