Uyasuka esihlalweni uHayatou ekugqibeleni

Issa Hayatou CAF President during the CAF Ordinary General Assembly at the African Union HeadQuater, Ethiopia on 15 March 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva kweminyaka engamashumi amabini anethoba u-Issa Hayatou engumongameli weCaf, namhlanje ude wakhutshwa emva kokubethwa kulonyulo ngu-Ahmad Ahmad.

UHayatou, inzalelwane yaseCameroon, akakwazanga ukufumana iivoti ezaneleyo kweli tyeli, ubethwe ngu-Ahmad waseMadagasca ngamashumi amathathu anesine eevoti (34) kumashumi amabini (20) kuphela awafumeneyo. 

Image may contain: 3 people, crowd

Lo kaHayatou wangena kwesi sikhundla sokongamela iConfederation of African Football ngo-1988 ukuzotsho kulo nyaka.

Ukuphumelela kuka-Ahmad kothuse umzi ngoba uninzi belucinga ukuba akanawo amandla okoyisa uHayatou.