‘Sakh’ iiNgcali’ eSt Johns College

IMFIHLELO yempumelelo ebangela iziphumo ezihle kubafundi base-St Johns College eMthatha kukumamela nokuhlonipha ootitshala, ukusebenza ngokuzimela kwanengqiqo-ngqondo.

Ngaphandle kokufunda nokufundiswa, abafundi base-St Johns College baqeqeshelwa ukwazi ukucinga nokuphangalala kwengqondo. Abafundi besi sikolo bathi ukuthi gqolo esi sikolo siqhuba kakuhle kwiimviwo zebanga leshumi kungenxa yomsebenzi onzima abawuqala kwasekuqaleni konyaka.

Ngethuba I’solezwe lincokola nabafundi besi sikolo kule veki, live ukuba inkqubo yokufundiswa kwabo ngemiGqibelo iqale kwinyanga ephelileyo.

Umfundi kaGrade 12 eSt Johns uSanelisiwe Veco, uthi unobangela wokuqhuba kakuhle kwesi sikolo kungenxa yenqununu yabo uZolisa Magaqa. “Inqununu yethu iyasikhuthaza kakhulu, isibonisa iindlela zokwakha ubomi bethu. Xa into igwenxa kuMnu. Magaqa igwenxa ke,” kutsho uVeco.

“Qho ekuseni inqununu yethu isoloko ikhuthaza ukuba sibenentlonipho. Enye into esincedayo yinkqubo yalapha esikolweni ekuthiwa nguSakh’ iiNgcali esiyenza ngemiGqibelo nangeeCawe apho sifundiswa iindlela zokuqubisana nezifundo zethu,” kutsho uVeco, oyinzalelwane yaseMfundisweni eFlagstaff.

UVeco uthi ukubambisana kootitshala base-St Johns kwenza umsebenzi ubekhaphukhaphu kakhulu kwesi sikolo.

Omnye umfundi kaGrade 12 uSamuel Gwaze, uthi iinkqubo zokufunda ezenziwa ngemiGqibelo zizo ezingunobangela wokuqhuba kakuhle kwesi sikolo. “Ootitshala basinika inkxaso engummangaliso. Enye into ebangela ukuba siqhube kakuhle isikolo sethu kukuba ootitshala bethu basoloko bekhuthaza ukuba sifane nabanye abantwana besikolo sethu abaphumelele emagqabini kwiimviwo ezidlulileyo,” kutsho uGwaze.

Utitshala uThamsanqa Sihele weLife Sciences uthi abaqhutywa ngemva kumsebenzi wabo. “Sisebenza nzima apha, iphinde lo nto yenziwe kukuxhaswa yinqununu. Kwezinye izikolo ayenzeki lo nto. Kwisikolo sethu umntwana uza kuba efuna ukuphumelela,” utshilo uSihele.

Ekuqaleni kwalo nyaka umfundi wase-St Johns uSiphokazi Hlalukana yayingomnye kwabambalwa abamela iMpuma Koloni kumawonga kazwelonke wabona bafundi bagqwesileyo kunyaka ka-2016.

Obesakuba nguMongameli woMzantsi Afrika uThabo Mbeki, iNkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle kwanomphicothi zimali uKimi Makwetu zezinye zeenkokeli ezifunde eSt Johns.