UZille usengxaki, emva kokubabaza ubukoloniyali

Izakujongana nenkqubo yoluleko inkulumbuso yeNtshona Koloni emva kweTweet (isibhalo kuTwitter) yayo malunga nobukoloniyali. Inkokheli yombutho iDemocratic Alliance kuzwelonke, uMmusi Maimane, uthi uHelen Zille uzakujongana noluleko ngento ayibhale kwikhasi lakhe esitsho ukuba bengumbutho abahambisani kwaphela nayo kwaye ubhala izimvo zakhe hayi ezombutho.

Uthi uZille wophule umgaqo weDA wokuziphatha kumakhasi onxibelelwano. 

“Lo mcimbi sele ubhekisiwe kwikomiti yezigwegwe yombutho, mna njengommi welilizwe ndiyayigxeka kabukhali. Amazwi ale ntetho arhabaxa kwaye singumbutho weDA simele umakulingwane” utshilo uMaimane. 

Ukwathe amalungu ophula umgaqo aye adliwe okanye aphelelwe bubulungu.

Kusasa namhlanje uZille ubhale Twitter wenjenje: “Abo bacinga ukuba ubukoloninyali beza nezinto ezingakhiyo kuphela mabacinge ngenkululeko yezomthetho, iindlela nezothutho, imibhobho ehamba amanzi, njalo-njalo.” 

Emva kwesankxwe esibangelwe zezintetho kuTwitter, okaZille uye waxolisa esithi ebengabhali ngendlela engavusa umnyele kubemi beli.