Amakhosi adlulele kolandelayo weNedbank Cup

Siphiwe Tshabalala of Kaizer Chiefs celebrates his goal during the 2017 Nedbank Cup game between Stellenbosch FC and Kaizer Chiefs at Athlone Stadium, Cape Town on 11 March 2017 © Ryan Wilkisky/BackpagePix

Amakhosi adlulele kumjikelo olandelayo weNedbank Cup emva kokubetha iStellenbosch FC ngamagowuli amathathu eqandeni kumdlalo obubanjelwe e-Athlone Stadium kobu busuku banamhlanje. Nangoma iKaizer Chiefs iliqela elikhulu ekusoloko kulindeleke ukuba iwongamele amaqela adlala kumgangatho osezantsi – kodwa bekukho ithemba lokuba iStellenbosch ingagoloza eKapa.

Amagowuli wempumelelo, kulo mdlalo obuzinyaswe ngabalandeli beChiefs abaliqela, afakwe nguJoseph Molangoane, uSiphiwe Tshabalala noGustavo Paez – onke angene kwisigaba sesibini somdlalo. Umdlali othe waqaqamba ibenguLuck Baloyi – obeyibambe esiswini noWillard Katsande. Umdlalo uqale ngezinga eliphantsi, ilelo nelo iqela kubonakala ukuba alifuni kulahlekelwa ngumdlalo. IChiefs yiyo ebisebholeni ubukhulu becala – kodwa abadlali beStellenbosch baye baqinisekisa ukuba bayavala onke amazibuko ukuze ingacholi naphantsi. Omabini la maqela akakwazanga ukudala amathuba acacileyo kwisiqingatha sokuqala – lo nto iwanyanzele ukuba aye kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa [0-0].

Image may contain: 1 person, playing a sport and outdoor

Amakhosi abuye elume ongezantsi kwesesibini isiqingatha somdlalo. Kwimizuzu embalwa siqalile, uMolangoane ungqube ngentloko yahlala emnatheni ibhola egotywe ngobuchule obungumangaliso nguGustavo Paez. Emva koko uTshabalala utsale intambula ekude angakwazanga ukuyibamba uWashington Arubi. USteve Komphela ufake uWilliam Twala noGeorge Lebese abafike benza umahluko emdlalweni. NguLebese obenegalelo kwigowuli lokugqibela elifakwe nguPaez – obeqala ukufaka igowuli njengomdlali weChiefs ukusukela ekuqaleni kwalo nyaka. Abadlali beStellenbosch badlale kakuhle kulo mdlalo, into abangakwazanga ukuyenza kakuhle kukuhlasela iChiefs kakuhle kwisigaba sokuqala nakwesi sesibini isiqingatha.

Komnye umdlalo i-Ajax Cape Town itshonelwe lilanga emini namhlanje ngethuba ibethwa yiKwaDukuza ngo’4-3 kumapenela kumdlalo obuseSugar Ray Xulu Stadium. IKwaDukuza izingomba isifuba emva kokubambana ne-Ajax ngo’2-2 emdlalweni. IBloemfontein Celtic izibethele iBuya Msuthu ngo’2-0 kumdlalo weNedbank Cup, eMoruleng Stadium, emalanga namhlanje. Nayo iBaroka FC idlulele kumjikelo olandelayo emva kokubetha iFC Cape Town ngo’2-0 kumdlalo obuseNNK Rugby Stadium. IJomo Cosmos ibethe i-United Rovers ngo’3-0 eTsakane Stadium. Yona iFree State Stars ingombe iHighlands Park ngo’2-0 eGoble Park Stadium.

Stellenbosch FC: 36. Arubi, 20. Skippers, 34. Sait, 2. Rowell, 21. Brown, 26. Mekoa, 8. Webber, 11. Mabua, 6. Moroole, 10. Mushond, 37. Dube.

Kaizer Chiefs: 16. Khuzwayo, 18. Moleko, 3. Mathoho, 4. Cardoso, 13. Khumalo, 31. Katsande, 35. Baloyi, 23. Molangoane, 11. Chirambadare, 14. Tshabalala, 28. Paez.