Umqeqeshi weWalter Sisulu uchulumancile

Umdlalo webhola yombhoxo obuphakathi kweCape Peninsula University of Technology (CPUT) kunye neWalter Sisulu University (WSU) eABSA Stadium, eMonti UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Iqhayiya leMpuma Koloni kumbhoxo, iWalter Sisulu University, iya kumdlalo olandelayo inyathelela phezulu kukuzithemba emva kokufumana enye impumelelo kule veki.

Ngenxa yamandla nobuchule bokudlala umbhoxo, eli qela liteketiswa ngegama elithi All Blacks – ootshotshentla kumbhoxo wehlabathi.

Amakhwenkwe waseWSU abethe iCape Peninsula University ngo’20-15 kumdlalo obunzima kakhulu weFNB Varsity Shield, futhi unika umdla ongumangaliso eBuffalo City Stadium ekuqaleni kwale veki.

Ukuba ibi ngebobuchule nokusebenza ngokuzinikela kwabadlali beWSU – ngaphandle kokungabaza, iindwendwe ngezigoduke nayo impumelelo. IPeninsula liqela elidlala umbhoxo uphucukileyo – kodwa lifike kwiWSU enaba dlali ababotshiweyo ngokwasengqondweni nangokwasemdlalweni.

Isigaba sokuqala siphele iqela ebeli dlalela ekhaya lihamba phambili. Zijikile izinto kodwa kwesesibini, iPeninsula ifumene amanqaku emva kokulala emgceni.

Lo nto ibangele iWSU idlale phantsi koxinizelelo. Njengomdlalo obe kusetyenziswa kuwo amandla kakhulu, iWSU ilahlekelwe ngabadlali abathathu bonke ngenxa yokwenzakala.

Emva kwale mpumelelo efumaneke ebunzimeni, uSipho Methula, oqeqesha iWSU, ushiyeke egcobile entliziyweni yakhe emva komsebenzi omhle owenziwa ngabadlali bakhe kwiFNB Varsity Shield.

“Siyakuvuyela ukuphumelela apha. Ndingatsho ukuthi lo ngoyena mdlalo owakhe wanzima kuthi,” utshilo uMethula emva komdlalo.

“Akukho nto esinokuyithetha ngezigqibo ezithathwe ngoosompempe. Isiphetho nesigqibo ibhola ibingeka phumi,” utshilo umqeqeshi emva kwesikhalazo esenziwe yiPeninsula.

Ngoku i-All Blacks zilungiselela umdlalo wazo olandelayo eziza kuthi zidibane kuwo neRhodes. Ukuba iWSU ifumana impumelelo nakulowo umdlalo, lo nto iyakunika eli qela amandla kwiVasirty Shield.