Amehlo akwiZambia kowe-Afcon

Thabo Senong, coach of South Africa talking to Notha Ngcobo during the 2017 Total Zambia U-20 African Cup of Nations match between South Africa v Senegal at Levy Mwanawasa Stadium, Ndola Zambia on 02 March 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Namhlanje kuzawudlan’iintsimbi kumdlalo ophakathi koMzantsi Afrika nelizwe lasebumelwaneni – iZambia. Amajita adibana nabasingathi betumente abangayinkathazo kakhulu kumdlalo wamanqam we’Under-23 Africa Cup of Nations ozakube useNational Heroes Stadium ngo’18:00.

UMzantsi Afrika ungene kulo mjikelo wokhuphiswano emva kokuvuthulula ilizwe laseSudan ngo’3-1 kumdlalo obuvutha bhe ngeCawe edlulileyo. Kwangalo mhla, eli qela likaSenengo lithe lazibekela indawo kwitumente yehlabathi [Fifa World Cup] ezakusingathwa lilizwe laseKorea kulo nyaka. Umqeqeshi waMajita, uThabo Senong, uthi amakhwenkwe wakhe aya kulo mdlalo engabonwa njengawona anamandla ukodlula iZambia edlalela phambi kwabalandeli bayo.

Lo mqeqeshi uthi kuyamonwabisa ukubonwa kweZambia njengelona qela elinokuphumelela lo mdlalo. Nangona uSenong elithembile iqela lakhe – kodwa akufanelanga ayithathe kancinci konke iZambia ngoba iyiphumelele yonke imidlalo yayo ukuzothi ga ngoku kule tumente. “Ndiyayithanda into yokunganikwa thuba lokuphumelela ngabantu, lo nto ibeka uxinizelelo kwiqela esidlala nalo. Izinto ziza kuba nzima kulo mdlalo ngoba iZambia idlalela ekhaya – uxinizelelo lukuye,” utshilo uSenong.

“Bayiphumelele yonke imidlalo kule tumente. Abalandeli bazakuza ngobuninzi babo bezo kuyinika inkxaso – kodwa bazakulindela ukuba iphumelele. Sidlale kakuhle ngethuba sidibene neSudan, kungakuhle ukuba singathatha kwindawo esayeka kuyo ngala mini. Singakuvuyela ukuya kwimidlalo yamagqibela kankqoyi – sizimisele ukulwa ukuze sivezekise umnqweno wethu,” utshilo uSenong.

Ukuba Amajita ayaphumelela kwilinge lawo lokudlala kumdlalo wokugqibela kolu khuphiswano, azakuvana amandla neliphumeleleyo phakathi kweSenegal neGuinea. Umdlalo wokugqibela udlala ngeCawe. Namabini abethwe kule midlalo iphambi kwalo wokugqibela ayakudlala ngala mhla wokugqibela.