IiKings zinyathele iSunwolves ngenkani

Iqela loMzantsi Afrika elidlala kwiSuper Rugby, iSouthern Kings, linyathele phezu kwayo ngenkani iSunwolves izolo. IKings iphumelele lo mdlalo ngo’37-23 ongaxoxisiyo ibetha iqela laseJapan weSuper Rugby obudlalelwa ngaphaya kwelaseSingapore. 

Eli qela laseMpuma Koloni bekunyanzelekile lilungise ukuhlala emva kokubethwa yiJaguares kumdlalo wokuvula kule sizini entsha eNelson Mandela Bay Stadium kwiveki ephelileyo. Le ibiyimpumelelo yeKings yokuqala kude kunekhaya ukusukela ngo’2013. Nakubeni kulo mdlalo iKings zilahlekelwe ngabadlali ngenxa yokwenzakala – kodwa zikwazile ukunyamezela nokubelana nobushushu baseSingapore. 

URudi van Rooyen noChris Cloete balele emgceni kwisigaba sokuqala somdlalo, bevula indlela yeKings eya empumelelweni. Kukhangeleka ngathi iSunwolves ibethwe kakhulu kukuphisa ngayo ibhola kwiindawo ezimbi – yiyo lo nto ebangele yohlwaywe kabuhlungu yiKings eye kulo mdlalo ilangazelela impumelelo. 

Amanqaku afunyenwe ziKings azakufunqula umdla wabadlali nomqeqeshi wazo ozimisele ukwenza ezibukkwayo kule sizini yeSuper Rugby.