UMbananga usondeza indlebe karhulumente eluntwini

Isithethi sikarhulumente waseMpuma Koloni uSonwabo Mbananga

Isithethi kurhulumente waseMpuma Koloni uSonwabo Mbananga, uthi into ephezulu kulo msebenzi wakhe mtsha kukuqinisa unxulumano phakathi kukarhulumente kwakunye nabantu beli phondo.

UMbananga uqeshwe kulo msebenzi ngomhla wokuqala kwinyanga yoMdumba. Ungena kulo msebenzi ethwele amava okusebenza kwicandelo lezonxibelelwano nanjengoko ebekhe wasebenza kwisebe leenkonzo zoluleko kwanelo lezokhuselo.

Ethetha nephephandaba I’solezwe, uMbananga uthi ukufikelela kukarhulumente ebantwini yeyona nto ibalulekileyo kumsebenzi wakhe.

“Andizi namilingo, kodwa into esizakugxila kuyo kukuba iNkulumbuso ifikeleleke, urhulumente afikeleleke, ukuphendulwa kwezikhalo zabahlali khona ukuze ucace umsebenzi karhulumente,” kutsho uMbananga.

“Indlebe karhulumente kufuneka isondele eluntwini, ukuze singathathi ixesha elide ukuphendula eluntwini,” utsho uMbananga.

Uthi bazakuwasebenzisa amaqonga onxibelelwano, ngeenjongo zokufikelela kubantu abaninzi ephondweni.

“Siphila kumaxesha obuchwepheshe. Sizakugxila phaya kooTwitter, Facebook no-Instagram. Sisafakana imilomo noogxa bam malunga nokuba la maqonga sizakuqala nini ukuwasebenzisa,” utshilo uMbananga.