Lumisiwe unyulo lweSRC kwiKholeji yaseBuffalo City

Amalungu e-EFF Student Command phambi kwamasango eKholeji yaseBuffalo City

KUNYANZELEKE ukuba lumiswe unyulo lebhunga labafundi (SRC) kwiKholeji iBuffalo City eMonti namhlanje emva kokuba iinkokeli zemibutho yabafundi zingavumelananga ngemiba erhangqe inkqubo yokuqhutywa kolu lonyulo.


ULwesithathu, umhla wamashumi amabini anesibini, ububekelwe bucala ukuba kuqhutywe unyulo kule kholeji. Imibutho ekhuphisanayo yiSasco, Pasma ne-EFF Student Command.


Kodwa emva kokungavisisani, ikholeji kunyanzeleke ukuba ikhwebe oonogada abongezelweyo emva kokuba abafundi abangamalungu e-EFF Student Command bebesenza imiheshuzo phambi kweholo ebilehlelwe ukuqhuba olu lonyulo.


Abafundi baye bachithwa ngoonogada phambi kokwenza umonakalo ekholejini.


U-Ayabulela Mabinda, unobhala kwisebe le-EFF Student Command kule kholeji, uthi bona bekunye nePasma bafuna kusetyenziswe inkqubo yeepesenti xa kubalwa iziphumo zolonyulo.


UMabinda uthi le nkqubo iyafumaneka kumgaqo-nkqubo wezolonyulo wale kholeji, kodwa into ebothusileyo kukuba oomanejala bekholeji bangavumi ukuba isetyenziswe, befuna kusetyenziswe leyo ifuna yiSasco. ISasco ifuna kusetyenziswe inkqubo yokubala ngamanani hayi iipesenti.


“Besibambe indibano malunga noku ngoLwesibini kodwa asavumelana. Sothukile xa sibona ngoLwesithathu ekuseni kuqala inkqubo yovoto kodwa asikhange sivumelane,” utshilo uMabinda.


Unobhala weSasco kule kholeji uKat Mangope uthi iEFF Student Command nePasma idlala njengabafundi ngokungavumi ukuthabatha inxaxheba kunyulo. UMangope ugxeke oonogada bale kholeji ngokubakhuseli kwingqumbo ye-EFF nePasma.


Unyulo lakubuya lubanjwe ngomhla oyakubuya uphindwe uchazwe.